‘Ningavumi ukuxokiswa, yiEFF enesisombululo eMzantsi Afrika’

UJulius Malema uxelele izihlwele zabantu ukuba yiEconomic Freedom Fighters (EFF) kuphela umbutho wezopolitiko enesisombululo eMzantsi Afrika. Oku ukuthethe ngethuba ephehlelela umqulu wezithembiso zolonyulo kwindibano ebibanjelwe eBuffalo City Stadium, eMonti, izolo emini.

Kulonyulo lalo nyaka, iEFF ibeke phambili izinto ezintathu: ukubuyiswa komhlaba, ukudalwa kwemisebenzi nokulungiswa kuka-Eskom. Emcimbini wayizolo, uMalema ebethumela ngokusesikweni amajoni eluntwini ukuze ayokucela inkxaso phambi komhla wolonyulo olukwinyanga kaCanzibe.

UMalema ulichaze iphondo leMpuma Koloni njengeyona ndawo ephala phambili kwicala lendlala watsho ethembisa ngokuguqula izinto ukuba umbutho wakhe unikwa ithuba lokukhokela. Izinto anyathele kuzo ziquka ukudalwa kwemisebenzi, imfundo yasimahla, ukuvuselelwa kwezempilo, ulwakhiwo lweendlela, ukusetyenzwa komhlaba, izindlu, uvuselelwa koqoqosho nokuphelisa kobuqhophololo kwa-Eskom. “Ningabavumeli banixokise, yiEFF kuphela enesisombululo eMzantsi Afrika,” itshilo inkokeli ye-EFF. “Sithi kuphela abanokuyenza isebenzele abantu imigodi yeli lizwe.

“IMpuma Koloni inabantu abaninzi ababesebenza emigodini. Zange babhatalwe xa beyeka emisebenzini yabo. Abanye bemka emigodini begula – kodwa zange bayibhatalwe imali yabo. Sithi kuphela abaza kuqinisekisa ukuba imigodi ibabhatala imali ebafaneleyo, utshilo uMalema owongeze ngelithi yiEFF kuphela umbutho ozikhathaleleyo iimvumi nabo bonke abantu abakwezobugcisa eMzantsi Afrika. Ukwele ezehlela kwiNkulumbuso yephondo, uLubabalo Oscar Mabuyane, ngelithi indlala iqatsele phantsi kwakhe eMpuma Koloni.

“Izinto zimbi kakhulu phantsi kukaMabuyane – kodwa asingobantu abaphilela ukukhalaza, sinaso isisombululo. Siza kuthatha eli eliphondo sisombulule iingxaki zalo. Sifuna ukuqinisekisa ukuba wonke umntu uxhamla ilungelo lakhe ngokupheleleyo.

Umbutho wethu othanda abantu ngeke unibukele nibulawa yindlala. Nisengxakini eMpuma Koloni – kodwa kufuneka nizincede phambi kokuba sinincede. Phakamisani izandla sizokwazi ukunibamba sinikhuphe emngxunyeni wendlala, wentswelangqesho nokungasiwa kweenkonzo eluntwini,” utshilo uMalema.