‘Yenzani abantwana, mna ndiza kubhatala’, utsho uJulius Malema!

UJulius Malema ethetha eBuffalo City Stadium, eMonti, izolo. Umfanekiso: EFF/Facebook

Inkokeli ye-Economic Freedom Fighters, uJulius Malema, ithi abantu baseMzantsi Afrika mabazale abantwana abaninzi ngoba yona (iEFF) iza kubhatala imali yesibonelelo sikaRhulumente ngokuphindeneyo xa iselulawulweni.

UMalema ukuthethe oku eMonti, eBuffalo City Stadium ebigcwele iphuphuma ngabalandeli be-EFF abebevathe iimpahla ezinemibala obomvu. Ngosuku Lamalungelo Abantu kwilizwe loMzantsi Afrika, iEFF iphehlelele umqulu wayo wezithembiso eMpuma Koloni izolo.

Njengokuba uMongameli welizwe, uCyril Ramaphosa, kwinyanga ethe wabeka umhla wamashumi amabini anethoba kuCanzibe njengomhla wolonyulo, iinkokeli zamaqela ezopolitiko zithe saa kwiindawo ngeendawo apho zigayela ivoti imibutho yazo ngokwahlukana kwayo.

Ulonyulo lwalo nyaka lufaniswa njengelokuqala ngonyaka ka1994 ngoba uphandonzulu lubonise ukuba iAfrican National Congress (Anc) isemngciphekweni wokulahlekelwa sisininzi seevoti okokuqala ezimbalini.

Eminyakeni elishumi, iEFF ikhule yade yaliqela lesithathu ngobukhulu eMzantsi Afrika isusa amaqela aquka Inkatha Freedom Party neCongress of the People esecicini lokubhanga ngenxa yomlo wesikhundla.

“Maqabane, yenzani abantwana mna ndiza kubhatala. Nditsho kuba iEFF iza kusinyusa isibonelelo sabantwa siyokutsho ngaphezulu kwewaka lerandi (R1,020). Abantwana bethu bafanelwe kukuphila ngcono,” utshilo uMalema oqhwatyelwe izandla zizihlwele zabantu eMonti.

“Musani ukuba ngamavila, yenzani abantwana. Andikhathali nokuba ulihlwempu okanye usisityebi, ndithi yenzani abantwana. Masiliphindaphinde inani lethu ukuze sishiye umzila oyinzala yethu. Bathi kum kutheni ndisithi makuzalwe abantu abantu behlupheka, nam ndazalelwa ekhayeni elingenanto.

Kodwa lo nto ayithi umntu uya kubhubha elihlwempu. Umntu uyakwazi ukuyiguqula imeko yekhaya ibengcono. Kodwa ke xa sisithi yenzani abantwana, asibhekisi ebantwaneni. Bona mabaye esikolweni bayokufunda simahla,” utshilo uMalema.