Inye jwi into efunwa nguJose Riveiro phambi kokuvalwa kwesizini

Kushiyeke iiveki ezimbalwa ivalwe isizini yeDStv Premiership kwakhona. Ngusakabhe ebholeni ekhatywayo; ilelo iqela lilwela ukuvala isizini lisendaweni ebhetele okanye ehloniphekileyo. Nangona indebe yeDStv Premiership seyithathwe yiMamelodi Sundowns – kodwa idabi lendawo yesibini liya likhula ngokucutheka kwemidlalo eshiyekileyo.

Amaqela alwela ukubamba indawo yesibini mabini: yiStellenbosch FC ne’Orlando Pirates. Kwindawo yesibini ngoku kuhleli iStellenbosch ngoba ishiya iPirates ekwindawo yesithathu ngenqaku elinye.

Emva kokuba iPrates iphumelele ekuqaleni kwale veki, uJose Riveiro uthe iqela lakhe liza kulwa ngamandla ukuze lizuze amanqaku anokulibeka kwindawo yesibini kwiDStv Premiership xa kuvalwa isizini. Elibambe indawo yesibini liza kuthatha inxaxheba kwiCAF Confederation Cup kwisizini ezayo.

Umqeqeshi wePirates ukubeke kwacaca akufunayo emva kokuba iPirates yakhe ibethe iChippa United ngamagowuli amabini eqandeni emdlalweni obubanjelwe e’Orlando Stadium. IPirates iza kudibana neRichards Bay esemsileni emdlalweni oza kube ungomso emalanga.

Kanti emva koko, iPirates iza kudibana neSuperSport United ebil’ ibanda phambi kokuya kwiTS Galaxy elushica xa idlalela kowayo eMbombela Stadium. Ethetha ngomdlalo olandelayo, umqeqeshi wePirates uthe yonke imidlalo eshiyekileyo kufuneka bayithathe njengemidlalo yamanqam.

“Yonke imidlalo eshiyekileyo ibaluleke kakhulu. Sifuna indawo yesibini xa kuvalwa isizini. Ukuze yenzeke lo nto kubalulekile ukuba sifumane onke amanqaku emidlalweni esiza kuyidlala ngoku. Ilwela onke amanqaku nayo iStellenbosch eqhuba kakuhle,” utshilo uRiveiro kule veki.

Nangona iPirates isendaweni entle emva kokuphumelela imidlalo engaphezulu kwesihlanu ilandelelana – kodwa kufuneka ithandazele ukubethwa kweStellenbosch eqhuba kakuhle kakhulu. Iqela likaSteve Barker liza kudibana neMoroka Swallows elwela ukuphepha izembe emdlalweni ongempelaveki.

Kodwa ke iPirates iza kukhuthazwa kukuqhuba kakuhle kwayo kwiNedbank Cup eza kudlala kuyo umdlalo wokugqibela neMamelodi Sundowns ngomhla wokuqala kwinyanga yeSilimela. “Asikwazi konke konke ukuphulukana namanqaku ngoku kude kuphele isizini,” uvale ngaloo mazwi uRiveiro ethetha neentatheli kule veki.