IRavens igxeleshe iMotsepe League emva kwiNedbank Cup!

Abadlali beRavens FC emva kokubethwa yiChippa United emdlalweni weNedbank Cup kutshanje eMonti. Umfanekiso: Pedro Mapelo

Umqeqeshi weF.C. Ravens uthi izinto abazifunde emdlalweni weNedbank Cup ziza kubanceda emidlalweni yeMotsepe League yephondo leMpuma Koloni. USibusiso Mapompo ukuthethe oku emva kokuba iRavens iguqiswe phantsi yiChippa United ngo’2-1 emdlalweni weNedbank Cup obubanjelwe eBuffalo City Stadium kutshanje.

Emdlalweni obulidabi lamaqela aseMpuma Koloni, iqela laseMampondweni lazibonakalisa ukuba alizodyongo ncam ngokudlala umdlalo omhle futhi onomtsalane ebantwini abawubukeleyo.

Okwenza umdla kukuba iRavens iye emdlalweni weNedbank kutshanje kwisigaba sesibini ihamba phambili. Kodwa ngenxa yokuba ibidibene neChippa United edlala emgangathweni ongasentla kulo, izinto ziye zajika ekuthambekeni kwesigaba sesibini.

Nakubeni iChippa idlale isigaba sesibini ingaphelelanga – kodwa ikwazile ukufumana igowuli lokulinganisa kwisigaba sesibini somdlalo. Kwixesha elongezelelweyo, uMbenyane uye wafaka igowuli eliweze iChippa United eza kudibana ngoku neTS Galaxy emdlalweni olandelayo weNedbank Cup.

Ethetha neli phephandaba emva komdlalo, uMapompo uthethe wenjenje: “Ndiyazingca ngokwenziwa ngabadlali. Besilindele ukuba bazinikele emdlalweni – kodwa basinike into engaphezulu koko.” Abadlali bakhe abafana no’Avela Cezu noFezile Ngcobo ngabanye babadlali abayisokolisa kakhulu iChippa United.

“Ewe, kwisigaba sesibini asidlalanga kakuhle. Kuye kwacaca ukuba sidibene neqela elidlala kwiPSL. Siye sadlala sinoloyiko kwisigaba sesibini noxa besihamba phambili.

“Abadlali khange bakwazi ukudlala kakuhle ngenxa yoloyiko noxa bebefuna ukuphumelela umdlalo. Sifundile emdlalweni weNedbank Cup kwaye ngoku sizimisele ukuphumelela apho sidlala khona, kwiMotsepe League. Ukuzithemba ebadlalini kufunqukile emva kwalo mdlalo.

“Sifuna ukuthatha oko kuzithemba kuyokusisebenzela emidlalweni yethu kwiMotsepe League. Iya esiphelweni imidlalo yethu, ukuphumelela umdlalo weNedbank Cup emva koko singakwazi ukuqhuba kakuhle apho sidlala khona bekuza kuba yingxaki,” utshilo umqeqeshi.