Inxaxheba yezolimo kwizimali eZimbabwe

Ingxelo ekhutshwe yiUnited States International Trade Administration ithi ukukhula kwemeko yezimali eZimbabwe kuxhomekeke ngamandla kwezolimo. Ulimo eZimbabwe luqhutywa kumhlaba okumyinge wezigidi ezine zeehektare, kuwo kuvelisa iimveliso ezahlukeneyo.

Ngenxa yokuhamba kwexesha kuqhutywa nezolimo eZimbabwe kutshanje urhulumente wela lizwe ujikeleze ecela inkxaso yokuvuselelwa kwezixhomo neziseko zolimo.

“Ngamashumi amahlanu amawaka amafama amakhulu namancinci asebenza umhlaba eZimbabwe ngeenjongo zokuvelisa ukutya ukuze kwenziwe igalelo kwezezimali,” itsho ingxelo yeITA.

Ilizwe laseZimbabwe likhe latshotsha entla kumazantsi weAfrika ngokuba lelona lizwe livelisa ukutya okuninzi okuquka umbona, ingqolowa kwakunye necuba.

Ngenxa yokutshintsha kolawulo lezopolitiko kwela lizwe imeko yezolimo eZimbabwe iguquke emva kokuba uMongameli uRobert Mugabe enyanzelise ukuthathwa kweefama kumafama amhlophe.

“Ela lizwe lidinga oogandaganda abakumashumi amane amawaka, ngoku sithethayo lishumi lamawaka kuphela oogandaganda abakhoyo eZimbabwe,” kutsho ingxelo yeITA. Imveliso yecuba iseyeyona ihamba phambili ukungenisa imali eZimbabwe ngenxa yokuba lithengiswa kumazwe angaphandle.

“Kubekho ukukhula okumandla kwiqondo lengeniso yecuba eZimbabwe kunyaka mali ka2022 no2023, oku kuthetha ukuba icuba ngundoqo kwiinzame zokukhulisa imeko yezimali kwela lizwe,” itshilo ingxelo yeITA.

Ukhula kwemeko yezimali elizweni kubangela ukuba elo lizwe likwazi ukuqesha abantu okanye ukudala amathuba emisebenzi.

“Ekuqaleni kwalo nyaka amafama aseZimbabwe athumele amashumi amahlanu anesithandathu eetoni zecuba kumazwe angaphandle, oku kwenzeke kwiinyanga zokuqala zalo nyaka,” kutsho iUnited States International Trade Administration.

Oku kubonise ukukhula okumandla xa kuthelekiswa nomyinge wecuba elithengiswe kunyaka ophelileyo u2023.

“Kukho imfuneko yokuba ela lizwe livelise iimbotyi zeSoya ezikumyinge wamakhulu amabini amawaka eetoni ukuze likwazi ukumelana nemeko yokufunwa kwezimbotyi kwela lizwe nakwihlabathi,” itsho ingxelo.

Kuthiwa amafama aseZimbabwe angakwazi ukuvelisa umqhaphu okumakhulu amathandathu amawaka eetoni, kuthiwa kunyaka ophelileyo ela lizwe livelise umqhaphu omncinci kunalowo ufunekayo.