Izuze amanqaku amathathu iRoyal Am ebethe iSekhukhune United

ULevy Masiane weRoyal AM FC erhangqwe ngabadlali beSekhukhune United emdlalweni weDStv Premiership obubanjelwe eChatsworth Stadium namhlanje. Umfanekiso: ©Gerhard Duraan/BackpagePix

Uncume olukabhulankethe uJohn Maduka emva kokuba iqela lakhe lizuze amanqaku amathathu ngorhatya lwanamhlanje. IRoyal Am yonwabise abalandeli bayo ngethuba ibetha iSekhukhune United ngamagowuli amabini eqandeni emdlalweni weDStv Premiership obutaka iintlantsi eChatsworth Stadium. Ngoku iqela likaMamkhize lithe ngcu kwindawo yesixhenxe emva kokuzuza amanqaku abalulekileyo emdlalweni wanamhlanje. Kanti yona iSekhukhune United kwelayo icala ihleli ngezantsi kwindawo yesibhozo. Iindwendwe, eziye KwaZulu-Natal zikhangela amanqaku apheleleyo, zibekwe phantsi koxinizelelo liqela likaMaduka ebekuvele kwacaca nakuthathatha ukuba lingxamele ukufaka igowuli kwa kwimizuzu yokuqala yesiqingatha sokuqala somdlalo.

Ilwile nayo iSekhukhune, ibhola embi ka-Elias Mokwana imnyanzele uHugo Nyame ukuba asebenze kwangoko emdlalweni. Uphindile kwakhona uNyame wahlangula iqela lakhe ngethuba ethintela ibhola ebikhatywe nguVictor Letsoalo oyifolosi yeSekhukhune United. Iye kwixesha lokuphumla iRoyal Am ihamba phambili ngegowuli elifakwe nguThabo Matlaba emzuzwini wamashumi amane anesihlanu. Abuyele ebaleni kwisigaba sesibini aqala apho ebeyeke khona kwesokuqala. Kuye kwanyanzeleka iThwihli Thwahla kaMaduka ukuba imkhuphe uNyame owonzakele emva kokungqubana noRoderick Kabwe. Endaweni yakhe kungene uXolani Ngcobo.

Noxa iRoyal Am ibilelona qela elidale amathuba amaninzi emdlalweni – kodwa iSekhukhune United ibinawo nayo. Igoduke ingenalo neli lokubika igowuli emva kokuphosa amathuba. Ngomzuzu wamashumi asibhozo, uRuzaigh Gamildein ufake igowuli lesibini neliqinisekile impumelelo yeRoyal Am emva komsebenzi omhle owenziwe ligqala, uElias Pelembe. Nangona uBrandon Truter efike wenza umahluko omkhulu kwiSekhukhune United – kodwa ukugqwidiza kwayo kwimidlalo yakutshanje kungamxhalabisa. Kanti yena uMaduka wonwabile ngoba iqela lakhe liphumelele imidlalo emithathu ladlala ntanganye kwemibini ukusukela oko ethe wathatha iintambo kwiqela likaMamkhize ophinde wambiza izinto zinyekenyeke.