Kukrakra kuMailula osokola ukufumana ixesha lokudlala ebaleni

UCassius Mailula.

UCassius Mailula uyasokola ukufumana ixesha lokudlalela iqela lakhe iToronto FC kwiMLS ukusukela oko wathengwa leli qela kunyaka ophelileyo.

Uninzi lwabalandeli bebhola ekhatywayo eMzantsi Afrika bakholelwa ukuba umqeqeshi weqela lesizwe lebhola ekhatywayo uHugo Broos wayenyanisile xa esithi uMailula kwakungamelanga afudukele phesheya.

Eli qela laseKhanada libonakalise umdla kule folosi ezenzele igama kuMasandawana nalapho athe wadlala indima ebalulekileyo ekuncedeni eli qela liphumelele isizini yePremier Soccer League ka2021/22.

Umqeqeshi weToronto uJohn Herdman ugxininise ukuba lo mdlali oneminyaka engamashumi amabini anesibini (22) ubudala usemva kukaLorenzo Insigne, uFederico Bernardeschi kunye noJonathan Osorio ekudlaleni ebaleni kwesi sikhundla (folosi).

Abanye bacinga ukuba uMailula kufuneka abuyele eMzantsi Afrika okanye afumane elinye iqela ukuba uzimisele ukuqhubeka nokuphuhlisa ikhondo lakhe lebhola.

Nazi ezinye zezimvo ezivela kubathandi bebhola

@ape_blak: “Kodwa babemthengela ntoni? Khawufane ucinge ukuba iSundowns ibisikhabile esi sivumelwano ngesingasiva isiphelo sayo.”

@Tom47096338: “Umntu owayemmele wamosha ikhondo lakhe lebhola, soze aphinde afane nakuqala. IChiefs kufuneka ithathe lo mfana, angabanceda kakhulu.”

@LankyDuude: “Bendisoloko ndicinga ukuba yonke le nto yenzeke kwamsinyane, ingakumbi kuba ibiyisizini yakhe yokuqala edlalela iligi yamanqanaba aphezulu kwiminyaka yakhe, kwaye inyani yeyokuba inqanaba leligi yethu alifani nenqanaba leligi yabo.”

@MohauMosai: “Mhlawumbi ngokwezakhono zebhola ekhatywayo bangcono kodwa abadlali abadlala phambili bajongwa ngamagowuli kwaye uFederico ufake amagowuli amahlanu kuphela kwisizini ephelileyo kwaye ngenxa yoko uMailula kufuneka anikwe ithuba lokuzibonakalisa ebaleni.”

@Matsholone: “Kufuneka abuyele ekhaya kwiSundowns apho axatyiswa khona. Ngaphandle kwamathandabuzo ebeya kudlalela aBafana Bafana ukuba ebelapha.”