Iphulo lokulwa nokuselwa kotywala ngabaselula

Abafundi bezikolo ezahlukeneyo kwiphulo lokulwa nokuselwa kotywala ngabaselula. Umfanekiso: Uthunyelwe

Nanjengoko kule veki kuvalwa izikolo, utywala bona buseyingxaki enkulu kubantwana abaselula ngeminyaka kule mihla, nto leyo ikhokelele ekubeni iTyeks Security Service, iSebe lezeMfundo, iEastern Cape Liquor Board kunye namaPolisa babe kwiphulo lokulwa nokuselwa kotywala ngabo baselula.

Le ndibaniselwano yala masebe ibambe indibano nabantwana bezikolo ezahlukeneyo kwisikolo iMasakhe Primary School, eDuncan Village izolo, uLwesibini.

Osisithethi sakwaTyeks Security, uSiyabonga Ngcangisa, uthe eli liphulo liza emva kokuqwalasela indlela esele onyuke ngayo amanani abantwana abaselula abathi bazifumane bengamaxhoba okudlwengulwa, ukubulawa kwakunye nokuxhwilwa xa bekwiindawo zentselo okanye besendleleni ebuya khona.

Umnxulumanisi wabahlali namapolisa eDuncan Village, uSergeant J Falani, ubeke ityala lokusela kwabo baselula kwintsebenziswano engekhoyo kubahlali. Ukwagxeke abahlali ngokohluleka ukuza ngaphambili namatyala olwaphulo-mthetho.

“Siye sifumanise ukuba abahlali barhuqa iinyawo xa kumele babike ulwaphulo-mthetho. Umntu uye eve intlungu yolwaphulo-mthetho kuphela xa ibandakanya yena, angayihoyi xa isenzeka komnye umntu. Sicela uluntu ekuhlaleni ukuba luyibike into yokusela kwabantwana abaselula emapoliseni, kwanabantu abadala abathi babe negalelo ekuseleni kwabaselula,” utshilo uFalani.

Ukanti bezintandathu izikolo ezibe yinxalenye yeli phulo lokulwa nokuselwa kotywala ngabantwana abaselula. Inqununu yaseMasakhe Primary School, uKhangi Madikane ulumkise abazali ngokusela utywala ngelixa bezithwele, nto leyo athe inokukhokelela ekubeni babenabantwana abaselayo.

“Izifundo zibonisa ukuba iFoetal Alcohol Syndrome yinto ekhoyo. Kungoku nje kunabantwana abakhubazekileyo, abangafundisekiyo, nabangalawulekiyo ngenxa yoko. Kodwa noko kunjalo, hayi lonke ixesha unobangela woku ibayiFoetal Alcohol Syndrome, koko abanye babanomdla wotywala ngenxa yeminyaka yabo, nto leyo imizimba yabo ingakwazi kumelana nayo,” utshilo uMadikane

Ukanti oyiManejala yengingqi kwaTyeks Security, uThandelike Mhlanganyelwa uphawule naye ngeemeko oonogada bale nkampani abahlangabezana nazo nezibandakanya abantwana abaselula abasela utywala. Uqhube wathi abanye boogxa bakhe, baye bachole aba bantwana bengazi nokuba kuyahlwa okanye kuyasa ngenxa yotywala abazinkcinkce ngabo.

“Ndiye ndifumane ingxelo koogxa bam engezizo iindaba ezintle, nalapho baye bathi xa begodusa aba bantwana, bafumanise ukuba zintsapho ezingadingi nto koko ezizinikele etywaleni,” utshilo uMhlanganyelwa.

UMhlanganyelwa ukwalumkise abaselula ngobungozi bobusela kwiivenkile, nathe kunganeziphumo ezingekho zihle, apho umntu sele emdala ekhangela umsebenzi, kufunyaniswe ukuba unerekhodi lolwaphulo-mthetho.

Ukanti sona isithethi se-Eastern Cape Liquor Board uPumlani Fani uthe basanda kumilisela inkqubo ebizwa ‘My Future Matters, Alcohol Must Wait’. Ukwalumkise abo bathengisa utywala ngokungekho semthemthweni, nabo bathengisela abantwana abaselula.

“Intsebenziswano ye-ECLB namaPolisa ibonise iziphumo ezihle emva kogqogqo olukhokelele ekubeni ezinye iindawo zentselo ziphulukane namaphepha okuthengisa utywala kwezi veki zidlulileyo,” uvale ngelo uFani.