Ugandaganda iT7 HD yakwaNew Holland

Ugandaganda iT7 HD weNew Holland.

Xa uthetha ngeenkampani eziphambili kweli nakwihlabathi ezivelisa oogandaganda awukwazi ukushiya igama lenkampani yakwaNew Holland.

Le nkampani sele ivelise iindidi zoogandaganda abadingwa mihla le ngamafama emasimini ukuze balime ngempumelelo.

Ukuze umfama alime ngempumelelo umsebenzi wakhe kufuneka ukuba uhambelane nempucuko nokutshintsha kwamaxesha.

INew Holland isebenzisa amaziko wayo wophando ngqangi akumashumi amane kwihlabathi isenza uphando izama iindlela zokwanelisa amafama wezolimo kwihlabathi.

Oku kubangele ukuba le nkampani ivelise ingadlangadla entsha kagandaganda iT7 HD ehamba yodwa kumsebenzi wasemasimini.

Indlela akhiwe ngayo lo gandaganda ihambelana nabakhuluwa bayo abaquka iT8 neT9, kodwa yona ixhotyiswe ngeteknoloji ekwiqondo eliphezulu.

Ugandaganda iT7 HD weNew Holland.

Amafama ayathanda ukusebenza ebusuku maxa wambi enyanzelwa ziimeko zemozulu okanye ukuxakeka kwasefama. INew Holland ixhobe ngokwaneleyo ukuba ikwazi ukunika umfama indlela yokusebenza ebusuku.

Izibane ezisentloko yayo zenza ukuba umfama abone kumgama ongangamakhulu amabini eemitha ukusuka kugandaganda. Ukuphakama kwalo gandaganda kwenza ukuba umfama ahlale, ehleli ngasentla kwezinto zonke.

Oku kuphakama kwenza ukuba afumane umoya opholileyo phezulu phaya logama ekwabona konke okwenza kumgama okude kuye. Amathuba amaninzi amafama abanengxaki yokungakwazi kunyusa ikhuba ngokwaneleyo kugandaganda.

INew Holland ixhotyiswe ngamandla ngobuqili bala maxesha ukuze ikwazi ukuphakamisa ikhuba ngaphandle kwengxaki.

Ugandaganda iT7 HD weNew Holland.

Xa echophile umfama esenza umsebenzi wakhe uyakwazi ukumamela unomathotholo ovakala ngaphandle kwengxaki. Ubutofotofo bezitulo zalo gandaganda kongeza kwinzuzo yokuba ngumnikazi weT7 HD yakwaNew Holland.

Ngaphantsi kwale T7 kukho iindidi ezintathu eziquka iT7 230, T7 245 kwakunye neT7 260, zishiyana ngeezinto ezincinci okanye ezimbalwa kakhulu ngokusebenza.

Lo gandaganda wakhiwe ngendlela eyenza ukuba amelane ngaphandle kwengxaki nomhlaba weendawo zasemaphandleni eMpuma Koloni.

Ubukhulu bamavili angaphambili nawangemva kuwenza ukuba ubelula umsebenzi womfama ongumnikazi walo gandaganda. Iyawucutha umsebenzi nje ngabo bonke oogandaganda bale mihla, ngokuba itsala ikhuba elikhulu elilima umhlaba omkhulu ngexesha elinye.