Kuphantse kwathethwa ezinye iindaba ngoRobert Marawa!

Supersport sports presenter Robert Marawa with the MTN8 Trophy during 2017 MTN8 game between Bidvest Wits and Cape Town City at Bidvest Wits Stadium on 10 September 2017@Aubrey Kgakatsi/BackpagePix

Kuphantse kwathethwa
ezinye iindaba ngomsasazi wezemidlalo olele ngandletyana nye esibhedlele ngenxa
yesifo sentliziyo. URobert Marawa, umsasazi wezemidlalo kwiMetro FM nakwiRadio
2000, uxelele amawakawaka abalandeli bakhe kwikhasi lonxibelelwano, uTwitter,
namhlanje okokuba usesibhedlela emva kokuhlaselwa sisifo sentliziyo.
Ayikokokuqala uMarawa engena esibhedlele ngenxa yentliziyo. Ngo-2008 nango-2017
kwenzeka into efanayo. Unento engaphaya kweveki uMarawa engasavakali
koonomathotholo bakaSABC kanti usegumbini labagula kakhulu (ICU) esibhedlele. Kwinyanga
ephelileyo, uRobert Marawa uziqalele umabonakude wakhe emva kokugxothwa
ngendlela engaqondakaliyo nguSuperSport TV amsebenzele iminyaka emininzi.

URobert
Marawa uthi wazisa esibhedlele ngemoto yakhe emva kokuva iintlungu
ezingaqhelekanga kanti uza kulaliswa. “Ndicinga ukuba wonke umntu uyazi okokuba
ndandikhe ndahlaselwa yintliziyo. Kuye kwanyanzeleka okokuba ndilaliswe emva
kovavanyo endilenzayo rhoqo. Kwenzeke into enjalo kwiveki ephelileyo. Ndizise
ngokwam esibhedlele emva kokungaziva kamnandi. Emva kwexesha, ndizibhaqe sele
ndikwigumbi labantu abagula kakhulu kwezi ntsuku zintandathu okanye ezisixhenxe
zidlulileyo,” utshilo uMarawa kuTwitter namhlanje. Kodwa okuhle ngoku kukuba
uMarawa uqabukile. “Noko ndiyaphila ngoku emva kwento ebingakholeleki kwezi
ntsuku zidlulileyo. Bendiphakathi kokufa nokuphila – kodwa abongikazi
bandihlangule,” utshilo uMarawa.