IDowns idlulela kumjikelo olandelayo weMTN 8

Given Mashikinya of Bloemfontein Celtic challenged by Themba Zwane of Mamelodi Sundowns during MTN8 2019 match between Mamelodi Sundowns and Bloemfontein Celtic at Lucas Moripe Stadium, Pretoria, on 17 August 2019 ©Samuel Shivambu/BackpagePix

Amasandawana
abuye ngasemva emdlalweni weMTN 8 ayibetha ngamagowuli amathathu kwelinye (3-1)
iBloemfontein Celtic eqale yatsazisa igazi emdlalweni obumhle eLucas Moripe
Stadium ebusuku namhlanje. IMamelodi Sundowns idlulela kumjikela olandelayo
weMTN emva kokuzibonakalisa ukuba iliqela elikhulu emdlalweni onzima phambi
kwendimbane yabantu abebecula ingoma eLucas Moripe Stadium. Isiqingatha
sokuqala somdlalo siphele kungekho qela elikwazileyo ukubhalisa ebhodini
nangona amaqela ebesukelana futhi edala amathuba. Ibhola ebikhatywe nguTebogo Langerman
iphantse yayifaka engxakini iCeltic – kodwa naye uDenis Onyango uphantse
wafakwa engxakini nguTebogo Potsane weCeltic. Umdlalo ulawulwe yiSundowns
macala onke – kodwa nayo iCeltic ibiyingozi ngamaxesha athile emdlalweni.

Iqhubele phambili
nokuhlasela iDowns nakwesesibini isiqingatha isebenzisa uThapelo Morena
noSibusiso Vilakazi. Kodwa izinto zijikile emzuzwini wamashumi amathandathu
anesithandathu ngethuba uNdumiso Mabena ebeka ibhola emva kwakhe uDenis
Onyango. Ifumene ipenela iDowns emva kokuwiswa kukaKeletso Makgalwa ebhokisini
nguMzwanele Mahashe. UThemba Zwane ubhakuzelise umnatha. Emva kwakhe, uLebusa
ulandelise ngelakhe lentloko yatsho yangu’2-0. Uphantse wafumana elesibini
igowuli uMabena – kodwa ibhola yakhe ibethe epalini yaphumela ngaphandle. Igowuli
engcwatywe ngalo iCeltic lifakwe nguKeletso Makgalwa emizuzwini yokugqibela
yomdlalo. Kweminye imidlalo, iCape Town City ibethwe yiPolokwane City ngo’2-0,
iHighlands Park ibethwe i-Orlando Pirates ngo’1-0.

 

Sundowns: Onyango, Morena, Arendse, Lebusa, Langerman, Coetzee,
Kekana, Zwane,  Sirino, Vilakazi, Maboe.

Amalalela: Pieterse, Mabunda, Jali, Mkhulise,
Makgalwa, Madisha, Ngcongca.

Celtic: Mabokgwane, Pfumidzai, 
Mashikinya, Tani, Baloyi, Mahashe, Potsane, Lingwati, Masuku, Tchilimbou.

Amalalela: Chaine, Fikizolo, Phalane,
Khasipe,Luthuli, Meama, Maloisane.