UGimenez uzishiye zityumkile iintliziyo zamaYiphutha

Egyptian soccer fans react after thier team lose 0-1 in the FIFA World Cup 2018 group A preliminary round soccer match between Egypt and Uruguay in the Shubra district in Cairo, Egypt, 16 June 2018. EPA/MOHAMED HOSSAM

UMohammed Salah
uthokombise intloko kubonakala ukuba uxhelekile entliziyweni yakhe emva
kokufakwa kwegowuli kwimizuzu yokugqibela emdlalweni. Inyaniso mayithethwe –
AmaYiphutha ebexhathisile futhi abadlali bayo i-Uruguay bebexakiwe kwade
kwakwimizuzu yokugqibela kwisigaba sesibini – ngethuba uJose Maria Gimenez
efaka igowuli elihle ngentloko kumdlalo obunzima kakhulu wesibini weFIFA World
Cup kwibala ekuthiwa yi-Ekaterinburg Stadium. Lelo gowuli linye elenze idemeshe
kumsebenzi omhle owenziwe yi-Egypt phantse umdlalo wonke – kwaye ikwa lilo
elishiye iintliziyo zenkitha zamaYiphutha zichontsiza igazi.

Image may contain: 3 people, people smiling, people playing sports, stadium and outdoor

Kuyiwe kwixesha
lokuphumla amazwe omabini ebambene noxa i-Uruguay ibiyeyona inamandla. Iifolosi
ezimbini zase-Uruguay ezoyikwayo uSuarez noCavani uphele umdlalo bengacholanga
naphantsi – kodwa akukho bani onokubatyola ngokungazami. Zikhona iibhola
iibhola ezimbi abazidlalileyo – ntekunayo bebefika unozinti u-Elshenewy uvale
kwanto eza kuye. Isigaba sesibini besithatnde ukubanochatha ngoba iqela
ngalinye belifuna igowuli lempumelelo. Uruguay yiyo ekwazileyo ukudala
amathuba acacileyo kune-Egypt. Lo nto ithethe ukuthi ukungabikho kukaMohammed
Salah, odume ngkufaka amagowuli, bekuvakala ngoba ebengekho umntu wokugqibezela
iibhola ezitywe emacaleni.

Image may contain: 4 people, people smiling, people playing sports and outdoor

Emva kwempumelelo
yayo i-Uruguay namhlanje, lo nto ithetha ukuthi ibambene neRussia ngamanqaku
amathathu noxa abasingathi bendebe yehlabathi benamagowuli amaninzi emva
kokuvuthulula iSaudi Arabia ngemvula yamagowuli amahlanu izolo kumdlalo
wokuqala kaGroup A. Kwakunyanzeleka ukuba nayo iYuphutha izingombele iSaud Arabia ukuze ibenokufumana ithuba lokuya kumjikelo
olandelayo.


Uruguay: Muslera,
Varela, Giménez, Godin, Cáceres, Bentancur, Vecino, Nandez, De Arrascaeta,
Cavani, Suárez.

Egypt: Elshenewy;
Fathi, Gabr, Hegazi, Abdel Shafi; Hamed, Elneny; Trezeguet, Said, Warda; Mohsen