UMphahlele liqhawe emva kokunceda Amakhosi ngale njikalanga

Ramahlwe Mphahlele celebrates with Ryan Moon of Kaizer Chiefs during the 2018 Telkom Knockout Cup match between Kaizer Chiefs and Black Leopards at the FNB Stadium, Johannesburg on 21 October 2018 ©Muzi Ntombela/BackpagePix

Iqhawe leKaizer
Chiefs ngale njikalanga ngumdlali wasemva, uRamahlwe Mphahlele, ofake igowuli ekube kuphela kwalo emdlalweni
obuseMoses Mabhida Stadium. Amakhosi abethe iSuperSport United ngo’1-0 kumdlalo
weTelkom Knockout ebuyisa isixhiba emva kokubethwa kwiMTN 8 kwiinyanga
ezidlulileyo kumdlalo owawuseFNB Stadium. ukuphumelela kweChiefs kuthetha
ukuthi iliqela lesine eliya kumjikelo olandelayo weTelkom Knockout. Emva kokudlala
umdlalo omhle kakhulu kwisiqingatha sokuqala, iChiefs ayikwazanga ukudlala
ngamandla afanayo nakwesesibini isigaba ngoba iSuperSport ibifun’ into ebil’apha.
UMphahlale uye wangumdlali oqaqambileyo emva kokudlala kakuhle nokufaka igowuli
elibiyisele uncumo kwiimbuso zabalandeli beChiefs abebethe kunubembe emva
kokubethwa yi-Orlando Pirates ngo’3-1 kwiveki ephelileyo. Izamile iSuperSport
emva kwekhefi – kodwa ayikwazanga ukugqobhoza.

Isiqingatha
sokuqala somdlalo phakathi koomakad’ezondana besisemgangathweni ophezulu futhi
kuhlaselwa macala. Nangokuna bekunjalo – kodwa yiChiefs ebinamandla futhi eqhufuze
iqanda kuqala emva kokudala amathuba aliqela emdlalweni. Igowuli elihle
elifakwe nguRamahlwe Mphahlele ethe qelele kumzuzu wamashumi amathathu
anesithandathu lilo elenze umahlako emdlalweni nakwiChiefs ebinethuba elide
ixhokonkxa ezipalini zeSuperSport United. Ukungena kwegowuli kulandele ipenela
kaWillard Katsane ebethe epalini emva kokuwiswa kukaMphahlele ebhokisini. Amatsatsantsa
a Pitori akwazile ukufikelela kunozinti weChiefs, u-Itumeleng Khune, ngemizamo
ebisenziwa ngumdlali ohlaselayo u-Aubrey Modiba – kodwa ngelishwa ibhola zakhe
azizanga nanto. Kanti iSuperSport ivinjwe ithuba elihle nguKhune oye wanikwa
ikhadi elityheli ngenxa yokubamba ibhola ngaphandle komhlaba wakhe.

Amatsatsantsa
abuye kwixesha lokuphumla enamandla ngoba ibe ngawo abonise umdlalo ophucukile
nakubeni iChiefs ibingayekelelanga nayo. UZuma noCastro bebengayekanga
ukubaxakekisa abadlali basemva beSuperSport United – kodwa uClayton Daniels
ukhe wazama ukubuza kuKhune ngebhola ayingqube ngentloko. UKaitano Tembo ufake
uThuso Phala kwisiqingatha sesibini ngelizama ukunika amandla iqela lakhe xa
lisiya phambili. Kumzuzu wamashumi asixhenxe, uModiba uphantse wayonzakalisa
iChiefs ebibhtyuza emva – kodwa ibhola yakhe ayifumenanga mntu yaphumela
ecaleni. UKhama Billiat uthintelwe nguGrant Kekana ezama ukufumana igowuli
lesibini emdlalweni emva kokufumana ibhola emhlabeni weChiefs. UTembo wenze
inguqu, ukhuphe uModiba waze wafaka uKamohelo Mahlatsi endaweni yakhe. Yena uGiovanni
Solinas ufake uPhilani Zulu endaweni kaBernad Parker – bekucacile okokuba ufuna
ukuqinisa indlela iChiefs elikhusela ngayo igowuli elifake kwisigaba sokuqala
somdlalo. Izolo iPirates ibethe AmaZulu ngo’3-1 kanti yona iBaroka FC ibethe iMamelodi Sundowns ngo’2-0

 

Kaizer Chiefs: Itumeleng Khune, Ramahlwe Mphahlele, Siyabonga
Ngezana, Mario Booysen, Godfrey Walusimbi, Dumisani Zuma, Bernard Parker,
Willard Katsande, George Maluleka, Khama Billiat, Leonard Castro.

SuperSport United: Ronwen Williams, Grant Kekana, Bongani
Khumalo, Clayton Daniels, Richard Boateng, Teboho Mokoena, Reneilwe
Letsholonyane, Phumlani Ntshangase, Aubrey Modiba, Ghampani Lungu, James Keene.