Abokoboko macala AmaZulu yinduku kaLorch noMlambo

Xola Mlambo of Orlando Pirates celebrates goal with Rhulani Mokoena, assistant coach of Orlando Pirates during the 2018 Telkom Knockout quarterfinal match between AmaZulu and Orlando Pirates at Moses Mabhida Stadium, Durban on 03 November 2018 ©Samuel Shivambu/BackpagePix

Liqela
lesibini i-Orlando Pirates elithe lazibekela indawo kumjikelo olandelayo
weTelkom Knockout emva kweBaroka FC ezingombene iMamelodi Sundowns ngo’2-0 kumdlalo
obusePeter Mokaba Stadium emalanga namhlanje. AmaZulu abokoboko macala emva kokubethwa
yiPirates ngamagowuli amathathu kwelinye (3-1) emdlalweni obunzima kakhulu eMoses
Mabhida Stadium ebusuku namhlanje. Umtshutshisi omkhulu ibinguThembinkosi Lorch
obuye namagowuli amabini eyedwa. Elesithathu igowuli lifakwe nguXola Mlambo
kumzuzu wesibini kwixesha elongezelelweyo. UMilutin “Micho” Sredojevic yindoda
encumileyo emva kokuphumelela kweqela lakhe. Wothuse abantu abaninzi kekambe
ngokuqala umdlalo ngo-Asavela Mbekile onethuba elide engasadlaliswa. Umdlalo
ubusezingeni eliphezulu kakhulu – kodwa AmaZulu anokuzikhalela wona ngoba
ebenawo amathuba okuphumelela umdlalo.

Isiqingatha
sokuqala siphele zintanganye ngegowuli macala. Njengesiqhelo, iPirates yiyo
esokule zibekwa emdlalweni isebenzisa abadlali bayo abanamendu phambili – kodwa
nawo AmaZulu khange ayekelele konke konke. Izinto ziqale ukubonakala ukuba ziya
kweliphi icala kumzuzu wamashumi amathathu anesithandathu xeshikweni
uThembinkosi Lorch ebeka emnatheni ibhola egqithe kunozinti waMaZulu,
uSiyabonga Mbatha, emva kwebhola entle edlalwe nguVincent Pule esazulwini
sebala. AmaZulu akhawuleze aphendula kumzuzu wesithathu emva koko ngebhola
efakwe ngentloko nguBongani Ntuli. UMbatha ngoyena nozinti owenze umsebenzi
omhle kwisigaba sokuqala somdlalo. Kwelinye icala, uSuthu luhlasele – kodwa iibhola
zalo eziliqela khange zide zibe nobuzaza.

UNtuli nogxa
wakhe u-Emiltano Tade bahlasele zibekwa emva kokubuya kwixesha lokuphumla –
kodwa iinzame zabo azizelanga mathokazi. Omnye wabadlali boSuthu odlale kakuhle
nguSiyethemba Sithebe. Lo ngoyena mdlali owanike umqolo AmaZulu futhi
obeluncedo kakhulu naxa iqela lihlasela. Kumzuzu wamashumi amathandathu
anesine, uSamuel Darpoh, utsale intambula yebhola ethe qelele emva kokufumana
ibhola ebilungisiwe nguTade –kodwa uSiyabonga Mpontshane uye wakwazi
ukuyinqanda. Iphose ithuba elihle lokuwusonga umdlalo iPirates xeshikweni
uShonga esixuthwa intlaka emlonyeni emva komsebenzi omhle owenziwe nguLorch
obethe amadoda phakathi ebhokisini kanozinti. AmaZulu lelona qela elithe
ladlala umdlalo ocacileyo kwisigaba sesibini elikwazileyo nokudala amathuba –
kodwa yalile ukungena emnatheni ibhola. Amagowuli amabininafakwe nguXola Mlambo
noLorch kwixesha elongezelelweyo anike iPirates impumelelo.


AmaZulu: Siyabonga Mbatha, Thembela Sikhakhane,
Phumlani Gumede, Sadat Oorofakuriko, Sibusiso Mabiliso, Siyethemba Sithebe,
Nhlanhla Vilakazi, Samuel Darpoh, Marc Van Heerden, Bonginkosi Ntuli, Emiltano
Tade.

Pirates: Siyabonga Mpontshane, Nyasha Muretsi, Happy
Jele, Innocent Maela, Asavela Mbekile, Ben Motshwari, Xola Mlambo, Vincent
Pule, Augustine Mulenga, Justine Shonga, Thembinkosi Lorch.