UNonina uthi akanaloyiko lukaMastra!

Bukiwe Anaconda Nonina

UBukiwe ‘Anaconda’ Nonina untingela eMonti kule veki – apho azakuthi alwe khona noPatience Mastra.

Le ntshatsheli yeSA Bantamweight izakuthath’ inxaxheba kwitumente yamanqindi eququzelelwa yiZbashy Promotions nesebe leZemidlalo noLonwabo eMpuma Koloni, eMdantsane Indoor Sports Centre, ngorhatya ngoLwesihlanu. Owona mlo unzima uphambili uphakathi kukaNozwelethu Mathontsi (intshatsheli) noNthabiseng Didi ozingela intshinga yeJunior Flyweight. Zombini ezimbethi manqindi zizakube zilwela impumelelo kuphela.

UNonina yeyona mbethi manqindi eyaziwayo ezakudlala kule tumente – kodwa ugqibe kwelokuba alwe noPatience Mastra ukuze afumane umlo osemgangathweni ophezulu phambi kwalowo wokukhusela intshinga yakhe.

Le ntokazi yaseDutywa ithi izimisele ukusebenzisa lo mlo njengeyona ndlela yokuzifudumeza njengokuba ikhangela umlo ezakukhusela kuwo intshinga. Ekuqaleni kwalo nyaka, * -Anaconda wabetha * -Alesia Graf kumlo owawunzima eKhayelitsha kwiphondo laseNtshona Koloni.

La mpumelelo yaseKapa yeza emva kokubetha uSimangele Hadebe kumlo owawutshisa bhe wentshinga yentambanane eDutywa kunyaka ophelileyo.

Kusemva kwalo mlo kanye apho uBukiwe Nonina wathi wabayimbethi manqindi yokuqala elinenekazi eMzantsi Afrika ekhusele intshinga yayo izihlandlo ezihlanu.

Noxa edibana nomntu awambethayo ngaphambili, * -Anaconda uthi akayi kulo mlo edelele.

“Amalungiselelo wam walo mlo ahamba kakuhle. Ndidibana nomntu endakhe ndambetha ngo’2015, andinalo ixhala tu – kodwa andimjongelanga phantsi. Eyona nto ibalulekileyo kum yindlela endiwulungiselele ngayo umlo. Ndifuna ukuphumelela ngoba yeyona nto ezakundinceda phambi kokukhusela intshinga yam,” utshilo uNonina.

UNonina yimbethi manqindi esebenza nzima kakhulu kwaye engqengqise iimbethi manqindi izihlandlo ezilishumi elinanye, ebethwe kabini yaze yadlala ntanganye kanye.

Eminye imilo izakuhamba ngolu hlobo: UXolelwa Soka ulwa noMapule Ngubane kwiMiddleweight; uNoxolo Makhanavu uzakuxhimfana noPortia Base kwiSA Flyweight kulandele umlo ka-Asandiswa Nxokwana noSandisiwe Gxogxo kwiSA featherweight.