UNxoshe yintshatsheli entsha yeMpuma Koloni

UThembelani Nxoshe yimbethimanqindi yaseMdantsane. Umfanekiso: DSRAC

Intshatsheli entsha ye’Eastern Cape flyweight kwiphondo leMpuma Koloni emanqindini nguThembelani Nxoshe. Le ndedeba yakwaNxoshe ithwaliswe isithsaba soloyiso emva kokubetha uXolisile Voyi emlweni obuphambili kwitumente yamanqindi ebiququzelelwe yiKM Sports Promotion ngempelaveki egqithileyo eMonti. Zombini iimbethimanqindi ziye emlweni obungundabamlonyeni zilambele impumelelo. Indlela ezilwe ngayo ibonisile ngenene ukuba bezisilwela ukufumana intshinga – kodwa kumjikelo wesibhozo, uNxoshe uye wamongamela ngamanqindi kwaphela ngaye uVoyi.

Ngaphandle kwamathandabuzo, uNxoshe uya kuvuyela ukuphumelela intshintsha emva kokubethwa nguDeeJay Kriel kunyaka ophelileyo nangamadoda afana noLusizo Manzana no-Ulises Lara. Emilweni engamashumi amathathu ananye, uNxhoshe uphumelele ishumi elinethoba, wabethwa kwelishumi waze wadlala ntanganye kwemibini. UVoyi, okhe walwa ngaphambili noNxoshe, ubuyele ekhaya ephaca kwakhona nakubeni eyimbethi ekwaziyo ukulwa.

Le tumente ebibanjelwe eMonti, yinkampani yabathelekisi ekuthiwa yiKM Sport, yenye yeetumente ezixhamle kwimali ezizigidi ezibini zerandi (R2.2-million) eyabekelwa bucala ukuze incede kwicandelo lamanqindi eMpuma Koloni. Kweminye imilo, iziphumo zimi ngolu hlobo: UZanele Kebeni waseMonti udlale ntanganye noPamela Matunga waseZimbabwe. Zombini ezi ntokazi bezijijisana nentshinga yefeatherweight – kodwa ngelishwa lazo, akubangakho mbethimanqindi ephumelele gqathu.

Komnye umlo obunemijikelo esibhozo, uSiyanda Tona waseMdantsane ubethe uAsiphile Xhipholwana waseDuncan Village ngamanqaku. Yena uHlomla Goniwe waseMdantsane ugoduke encumile futhi exwaye ibhantsi emva kokuba elahle phantsi uMasivuye Piliso waseQonce emlweni weJunior flyweight obuphambi komloo omkhulu e’Orient Theatre ngeCawe egqithileyo. Itumente ihambe kakuhle kwaye inconyiwe ngabalandeli bamanqindi batsho besithi inike iimbethimanqindi ezisakhulayo ithuba lokuziveza ebantwini.