UZolani Tete ujonge intshinga kaCarlos Cuadras

Imbethi manqindi yaseMdantsane uZolani “Fire-Arm” Tete uzakuthatha inxaxheba kwitumente eququzelwa yiQueensberry Promotions kwelamangesi eLiverpool kwinyanga ezayo.

Oku kuza emveni kokuba uTete etyikitye isivumelwano nomququzeleli ophala phambili eBritane, uFrank Warren, kwaye uzakukhwela eqongeni okokuqala ngomhla weshumi elinesithathu.

UFrank Warren akaqali ukusebenza neembethi-manqindi zelizwekazi le-Afrika nanjengokuba eye wafaka isandla ekuququzeleni imilo yeembethi-manqindi zeli phesheya kolwandle esingabalula kuzo * ”Baby”Jake Matlala, Thulani Malinga, Azumah Nelson noHarry Simon.

UTete uchulumancile zezi ndaba, ethetha neli phephandaba unabe wathi “Ndiyavuya ndisebenzisana noWarren, uyawazi umdlalo wam nendlela endizinikele ngayo kumdlalo wamanqindi. Izinto ziyenzeka ngoku, ndichulumancile kuba ndizakulwa kwinyanga ezayo ndiwulungele lo mlo.

“Ndifuna ukubayintshatsheli yomhlaba kwakhona ndibuyise isidima sam. Ndaphuncukana nentshinga yam ye-IBF ngendlela engancumisiyo. Xa ndinoWarren ecaleni kwam andinaxhala, ndisencochoyini kuluhlu lwembethi-manqindi weWorld Boxing Association, World Boxing Organisation neWorld Boxing Council. Ndingathanda ukuqale ndilwe nembethi-manqindi yaseMexico uCarlos Cuadras oyintshatsheli yeWBC, xa enondinika ithuba nje yena,” utsho uTete.

UCuadras uyikhusele intshinga yakhe izihlandlo ezihlanu, uphumelele imilo engamashumi amathathu anesine, ubethwe kanye, uwangqengqisile amadoda angamashumi amabini anesithandathu.

UTete uphumelele imilo engamashumi amabini anesini, ubethwe kathathu, uwangqengqisile amadoda alishumi elinesibhozo.

Lo kaTete ukhankase ngaphandle kweli loMzantsi Afrika kwiminyaka emithathu edlulileyo.