Akukho themba kumabanjwa ezopolitiko

Oligorha negqala lePAC uSombu Majola- Tshabalala, uthi iinzame zakhe zokucenga urhulumente weli ukuba akhulule amabanjwa ezopolitiko ziyancipha yonke imihla.

Ingxelo yeli gqalakazi likaPoqo ithi ukutshintsha kweenkokheli zopolitiko kwenza nzima iinzame zokukhulula amabanjwa ezopolitiko ezintolongweni.

“Umongameli uThabo Mbeki wayesimamela, enomdla wokuba kwenziwe iinzame zokukhulula la mabanjwa asezintolongweni ngenxa yenxaxheba yawo kumzabalazo, emva kwakhe siye safumana ubunzima obukhulu,” uthethe watsho uTshabalala.

Eli nenekazi lijikeleze kuzo zonke iintolongo zeli lincokola namabanjwa ezopolitiko asezintolongweni zoMzantsi Afrika.

“Inani asinalo kodwa basebaninzi abantu abaseluvalelweni. Ingxaki kukuba amatyala abo ajikwa enziwa amatyala olwaphulomthetho,” utsho uTshabalala.

Uthi bakwiphulo lokuqokelela amagama ala mabanjwa ngenjongo zokuba balazi elona nani lamabanjwa ezopolitiko aseluvalelweni.

“Intlungu kutyelelo lwam kwezi ntolongo kukufumana ukuba abanye abasakwazi kukhumbula izinto, abanye bagula ngengqondo okanye abasenawo nomdla wokuthetha ngale ngxaki,” uthethe watsho uTshabalala.

Obesakuba nguMongameli uJacob Zuma ubambe indibano ngonyaka ka2016 neenkokheli zombutho ozibiza ngokuba yiEx-Political Prisoners Association.

“UZuma ube ngunobangela wokulahleka komkhondo kwiinzame zokukhululwa kwala mabanjwa, kuba iofisi yakhe okanye yena ebengenawo umdla wokukhululwa kwala mabanjwa,” utsho uTshabalala.

Usapho lukaZola Mema owayelijoni loMkhonto Wesizwe eDuncan Village eMonti, liphakathi kwamakhaya agcuma yintlungu yokungazi ukuba waphelelaphi unyana walo.

“Ezinye zeentsapho endithetha nazo, zisenethemba lokuba bayakuze baphume aba bantu, libe ibanjwa labhubha alachazwa kusapho lalo,” utsho uTshabalala.

Uninzi lwabo aluphumeleli kwizicelo zabo zokuba bakhululwe ngengqawule eluvalelweni.

Ukanti igqala likaPoqo uMpolose Mangqangwana, uthi wayezinikezele ukuba angakungqina ukuba amajoni abo ayesilwela inkululeko.

“Ukugqibela kwam ukuchaphazeleka kule meko, kwakusithwa kufunwa amangqina okuba ngenene aba bafana ngamabanjwa ezopolitiko. Mna ndathi abeApla ndingabathethelela, ngabantwana babantu aba,” utshilo uMangqangwana.

Ngo2015 zizicelo zengqawule ezilikhulu namashumi amane anesithoba (149) zengqawule ezangena kwiofisi kaMphathiswa uMichael Masutha, ecela uxolelo lukamongameli lamabanjwa.

“Ngaphandle kokuba bedinga uncedo ukuze baphume entolongweni, aba baphumayo babotshelelwa ngentsinjana apha emlenzeni ethi itsale amandla ombane xa kududuma, lo nto ibeka ubomi babo esichengeni,” utshilo uTshabalala.

Isebe lentolongo alifumanekanga ukwenza ilizwi ngale meko. Abazali nezihlobo zala mabanjwa ziyagula, abanye bade babhubhe bekhalela ukukhululwa kwala mabanjwa.

siyabulela.mqikela@inl.co.za