Bathembe iiKumkani kumcimbi womhlaba

Abahlali kuvavanyozimvo ngomhlaba eMthatha eMpuma Koloni

 NGAMASHUMI alithoba eepesenti abahlali abavakalise ukungamthembi urhulumente kumcimbi wokwabiwa komhlaba ngethuba kuvavanywa izimvo eKomani. 


Uninzi kubo lukhomba iinkqubo ezibonakalayo zikarhulumente besithi zifile ngenxa yobuqhophololo beenkokheli zopolitiko namagosa karhulumente.


UMthuthuzeli Mtshiselwa ngowaseShilow eWhittlesea, le yenye yeendawo ezinamadabi omhlaba acacileyo phantsi kweeNkosi ezahlukeneyo.


 “Asiwathembi la madoda akwarhulumente, mazenziwe iinguqu kweli solotya, kodwa ingenziwa impazamo yokuba babenegunya lokwaba umhlaba, umhlaba mawunikwe iiKumkani neeNkosi zisabele umhlaba wethu,” uthethe watsho uMtshiselwa.


Kwiholo ibizele imi ngeembambo ngabantu abamnyama nabamhlophe, zimbini izimvo ebeziphambili. 


UGqr Pieter Prinsloo ongumnikazi weefama ezintathu eKomani, okwanendawo yokuxhela iinkomo ngesininzi ngosuku ngalunye, yena uthethe wathi.

“Siyayihlonipha le yokuba ngenene kukho imfuneko yokuba umhlaba wabiwe ngokutsha, kodwa kukho umhlaba ovelisa imisebenzi nokutya ngoku sithethayo, nithini ngawo, nifuna umhlaba, niza kutya umhlaba, asiwuxhasi thina umbono wenguqu kweli solotya,”utshilo uPrinsloo.

 

UNokuzola Ntlemeza waseSterkspuit uthi abanakuphinda bavume ukuqhathwa ziinkokheli zopolitiko ngokuba zithathe umhlaba kwakho, umhlaba mawunikwe iiKumkani.


“Siyaboyika aba tata bakwarhulumente, bahambela phezulu kulo mcimbi womhlaba, sinamava angekho mahle ngabo, mazenziwe zona iinguqu kwisolotya, kodwa umhlaba mawubuyele eziKumkanini zethu, ziwulawule zisabele ngokweeNkosi zethu,” utshilo. 


Igqala lomzabalazo phantsi kombutho wePAC uMpolose Mangqangwana, uxelele loo nginginya ukuba bengumbutho wePAC bakholelwa ukuba olu hlobo uza kuthathwa ngalo umhlaba lungamfaka engxakini urhulumente. 


“Xa usithi uyayihlutha into emntwini uthetha ukuba, uyavuma ukuba ibiyeyakhe, wena uyayithatha ngoku, awuzange ube ngowabelungu umhlaba waseAzania, ngumhlaba wethu lo mawuze kuthi,” utshilo.


Abahlali abe bezimase olu vavanyozimvo eKomani bebephuma kuzo zonke iingqingqi zoMasipala weSithili saseChris Hani. 

IiNkosi eziphuma kumaQwathi eNgcobo naseHewu,kubaThembu baseRhode, kuMandungwane kaNdarhala amaGcina kaMpangele nezinye izizwe.

 

Abahlali baseGwatyu ngaseKomani bafumene ithuba lokubhentsisa amahlazo angokuthathwa komhlaba wabo ngamagosa aphezulu karhulumente.


UNolizwe Mente utyhola uMphathiswa uGugile Nkwinti ngokubangumzekelo wabo bathatha umhlaba ngobuqhophololo.


“Kwiifama ezisibhozo esixoxa ngazo phaya eGwatyu ngoku, uGugile Nkwinti unayo ifama, ningakulinge nithathe umhlaba ebelungwini kanti nifuna ukwenza obu buqhophololo sinazi ngabo, sishiyeke thina sityiwa yindlala apha, yekani umhlaba kwiiKumkani neeNkosi zisabele ngokuhlala kwethu, nina yenzani nje inguqu kwisolotya nibuye umva, zithembakele iiKumkani neeNkosi kunani,” uthethe watsho uMente.