‘Eyethu ikliniki ngu-3 Room’

XA umntu kusithiwa uhlala okanye unoThree-Room (amagumbi amathathu), ubani ukhawuleza abenomfanekiso ngqondweni wendawo yokufihla nje intloko, kodwa ePaballong eMatatiele uThree-Room yindlela abahlali abayichaza ngayo ikliniki yale ndawo.

Abahlali belinde phandle kwikliniki yasePaballong eMatatiele UMFANEKISO: UTHUNYELWE

Kwimpelaveki edlulileyo abahlali basePaballong bebebhinqe omfutshane becheba ingca yekliniki yale ndawo. “Ingca siyichebela ukuba kubekho indawo yokuhamba kule kliniki. Singqubanisene iintloko sathenga ipetroli ze abanoomatshini bokucheba ingca beza noomatshini babo,” utshilo umhlali wale wadi.

“Asiboni nkqubela phambili kule ndawo yethu kwaWadi 15 phantsi komasipala waseMatatiele. Kule ndawo sikuyo sinekliniki ejongene nale wadi yonke kodwa imeko yayo ayintlanga konke konke,” kutsho umhlali.

Omnye umhlali uxelele I’solezwe ukuba bagqibe kwelokucheba kule kliniki emva kokuba beqaphele ukwena kwengca. “Ayikho indawo yokulinda ngaphakathi kule kliniki. Xa kubanda abantu bahlala phandle engceni. Amagumbi ekliniki mathathu ngaphakathi. Sigqibe kwelokuba masivule indawo yabo yokulinda ngokuthi sichebe ingca.

“Siye saphinda sacheba nakwindawo eneholo loluntu, ekhritshi, ukuze sibambe iindibano kakuhle,” kutsho lo mhlali.

Indlu yangasese kwikliniki yasePaballong eMatatiele UMFANEKISO: UTHUNYELWE

Ezinye zezinto abazikhalazelayo abahlali yindlela abathi ayikho semgangathweni engena ePaballong. Bakwakhalazela iprojekthi yamanzi eyayiqale ngo2013 abathi ayikabinamanzi nanamhlanje.

“Ingxaki esinayo uceba wethu uMofihli Moshoeshoe akasebenzisani nabahlali,” kutsho umhlali.

UMoshoeshoe uziphendulele ngelithi: “Lo nyaka ngunyaka wonyulo. Amachuku aza kuba maninzi. Singene elulawulweni ngo2016. Kutheni ngoku kuza kukhalazwa xa siphuma elulawulweni. Kwamasipala kusetyenzwa ngesicwangciso phantsi kweIDP (Integrated Development Plan).”

“Kodwa andibaphikisi kuba xa ndisenza njalo iza kuba ngathi ndiyazikhusela. Iintlanganiso siyazibiza, kodwa sizibiza esiphakathini sewadi. Abahlali basePaballong bona bafuna iintlanganiso zingenele kwindawo yabo,” kutsho uMoshoeshoe.

UMoshoeshoe ukwaveze ukuba umbandela wokunqongophala kwemali ubangela ukuba umasipala aqhwalele ekufezekiseni zonke izicwangciso zakhe ngexesha elinye.

“Andinakwala kwelithi siyasilela kwezinye izinto, kodwa siyazama futhi zikhona izinto esizenzele iwadi singumasipala,” utshilo uMoshoeshoe.