Nikela ngomongo wakho, usindise ubomi

XA ungakuthathel’ ingqalelo ukunikela ngomongo wethambo lakho, yazi ukuba isizalwane sakho singasemngciphekweni ombi xa singanesigulo esinokubangela ukuba sifune ukufakelwa umongo omtsha.

Oku kungenxa yokuba ubani uncedakala lula ngomongo wesizalwane sakhe xa enesigulo esifana neLeukaemia (umhlaza oongcambu zawo zisemongweni wethambo) okanye ezinye izifo ezinxulumene negazi.

Unyaka nonyaka, amakhulu abantu baseMzantsi Afrika abaneempawu ezibonisa ukunqongophala kwamajoni omzimba okuzikhusela kwizifo kwakunye nezifo ezisegazini, afikelela kwinqanaba elibi kakhulu apho iye ibe kukufakelwa umongo omtsha kuphela eyona ndlela abanokunyangeka ngayo.

Xa ufikelele kweso sigaba sokugula, ukufakelwa umongo omtsha ngempumelelo kubangela ukuba abantu abangaphezu kwe60% banyangeke. Ngelishwa, kwinkoliso yezigulane ezingenawo amalungu osapho angabanikeli abafanelekayo (malunga nesigulane esinye kwezithathu ezinamalungu osapho angabanikezeli), umntu ofanelana nabo abanokufumana umongo wakhe ingangumntu omnye ebantwini abayi100 000.

Kutheni bembalwa nje abantu abantsundu ababhalisayo ukuze banikele ngomongo?

Kukho ingcinga engeyonyaniso nexhaphakileyo yokuba ukunikela ngomongo yinkqubo ebuhlungu, kukuhlaselwa, yaye kukuthathwa kwento umntu onikelayo angafuni kunikela ngayo. Yaye njengoko kwamhla mnene ibiyindaba yakwamkhozi ukuthetha ngomhlaza (cancer) nokungabikho kwemithombo yolwazi kwiikliniki zasekuhlaleni ngokuphathelele imibutho esindisa ubomi efana ne-South African Bone Marrow Registry (SABMR), kulula ukubona ukuba kutheni zixhaphake kangaka nje ezi ngcinga zingeyonyaniso.

UNonhlanhla Mtshali, ongumongikazi waseRhawutini, ngomnye wabo bathe bafakelwa umongo, nto leyo eyamsindisayo.

“Olu tyando lwenze okukhulu kum. Lundinike ithuba lesibini ebomini. Sisoloko sikhona isisombululo [engxakini] mna ndasifumana eSABMR, kuba balikhonkco phakathi kwabantu abakhangela ubomi kwanabo banikela ngabo,” utshilo uMtshali.

Nonhlanhla Mtshali

USithokozile Mbele (30) waseThekwini, wanikela ngomongo kwisigulana ngo2019. “Omnye umntu wandibuza, ‘uza kuxhamla ntoni ngoku?’ Ndamphendula ngelithi ‘ukuba umama wam angafuna oku [umongo], ndingalindela mntu wumbi ukuba anikele kuye. Ngoko ke kutheni ndingenokwenzela oku omnye omntu?’”

Sithokozile Mbele

USibongile Jimlongo (25), othweswe isidanga sezomthetho kwiYunivesithi yaseNtshona Koloni (UWC), wanikela ngomongo kumntwana owayekwimfuno ngo2017. “Iyandichulumancisa kakhulu lo nto. Kukho umntu ozihleleleyo phaya ophila ubomi obungcono ngenxa yento encinane endayenzayo. Isipho sobomi esisinikiweyo, masixhamlise omnye umntu.”

Sibongile Jimlongo

UReabetswe Khumbane wayeneminyaka engamashumi amabini ngethuba enikela ngomongo wakhe kwisigulana esisesitsha. “Ukunikela [ngomongo] yinto esondele kakhulu kwintliziyo yam. Ukuba ngunobangela wokuphucula ubomi bomntu sisipho esingenambaliso nesinyulu endakusoloko ndisibabaza kubomi bam bonke.”

Reabetswe Khumbane

Ngolwazi oluthe vetshe, tyelela iwebhusayithi yakwaSABMR ku-www.sabmr.co.za, ufowunela ku 021 447 8638, okanye thumela i-imeyili ku-donors@sabmr.co.za