Amapolisa akhangela owasetyhini owayeye emngcwabeni waduka

ULitha Saki olahlekileyo. UMFANEKISO: SAPS

Amapolisa aseHoneydew eGoli acela uncedo kuluntu ekufumaneni owasetyhini ogama linguLitha Saki, oneminyaka engamashumi amane anesibhozo (48).

Kuthiwa usuke eMpuma Koloni esiya eRhawutini kumngcwabo kutshanje kwaye akaphindanga wabonwa. Wagqityelwa ukubonwa eRandpark Ridge ngomhla we17 kuMatshi ka2024.

Onolwazi malunga nokuba uphi uSaki uyabongozwa ukuba aqhagamshelane negosa eliphanda eli tyala, uConstable Hlongwane ku-072 106 4863 okanye atsalele iCrime Stop ku-08600 10111 okanye athumele iinkcukacha ngeMySAPS App.