Ilwela ubomi bayo esibhedlele inkwenkwe eyagrabhuzwa isisu yaqhawulwa uqhoqhoqho!

Kwindlu ekuthwe kwabhaqwa kuyo inkwenkwana eneminyaka emine kwiilali eziphakathi kwaseSajonisi naseLibode kwiveki ephelileyo. UMFANEKISO: UTHUNYELWE

Ichacha kakuhle inkwenkwana eneminyaka emine kuphela izelwe esibhedlele eMthatha nalapho ilwela ubomi bayo emva kokuba yathi yahlaselwa ngumntu ongekaziwa nanamhlanje owamgrabhula isisu kwaye kwafikwa namathumbu engaphandle imsike noqhoqhoqho.

Othethela usapho uJulius Noxaka encokola neli phephandaba uthi umntwana ulwela ubomi bakhe kwaye ngoku ukwimeko eginyisa amathe kuba ukhutshiwe kubuxhakaxhaka ebekade ekubo.

Uthi angatsho ukuba le nkwenkwana ifana negorha kubo ngenxa yokomelela kwanokulwa de abe usaphila nanjengoko kwakusele kunikezelwe ngenxeni yemeko awabhaqwa ekuyo umntwana.

Esi sehlo senzeka ngomhla wama26 kuEpreli phakathi kwelali iMantusini neNtlambela kwaye ezi lali ziphantsi kweedolophu ezahlukeneyo iLibode neSajonisi.

Umntwana akakafundi, umakhulu wakhe waqaphela ukuba akasekho phabi kwendlu apho wayedlala khona oko kwamenzela isithukuthezi nawaye wahlaba ikhwelo kubahlali kwaqaliswa ukukhangelwa komntwana.

Umntwana waye wabhaqwa kwindlu engahlali bantu engekudanga nekhaya lakhe esaphila koko eqhawulwe uqhoqhoqho egrabhuzwe nesisu engaphandle amathumbu kodwa kungekho lungu lithathiweyo kwixhoba.

“Siyakrokra ukuba njengokuba sifike esaphelele amalungu omntwana, umrhanelwa waphazamiswa yingxolo yethu wabaleka engekawugqibi umsebenzi wakhe. UThixo khange avume belingekafiki ixesha lomntwana. Sabona ummangaliso nasekuhlaleni besisithi akazukulenza ixesha umntwana kodwa ngenxa kaThixo akavuma. Simbona njengegorha,” utshilo uNoxaka.

Uqhube wathi esibhedlele ngoLwesibini kule veki bafike umntwana esusiwe ubuxhakaxhaka into ebonakalisa ithemba elimandla. “Oko ke kusonwabisile silusapho kwanabahlali. Esikufunayo kukuba amapolisa enze umsebenzi wawo babanjwe abenzi bobubi nanjengoko kungekabanjwa mntu.”

Othethela ulutsha nongafunanga kuchazwa ngagama uthi baceba umngcelele ozolileyo ukubonakalisa inkxalabo yabo kwanokuba kuthatyathwe amanyathelo ngesi sehlo ukuze singaphindi senzeke naphina na.

Isehlo esibumila kunje akukho kokuqala sisenzeka kula mmndla. Ngonyaka ka2017, umalume womntwana owayeneminyaka emine (4) uMandisi Gwanya (30) wakwaNtsila eSjonisi wabulala umtshana wakhe uKamvelihle Ngala emva koko wasela igazi lakhe watya namalungu athile omtshana wakhe emva kokumbulala.

UPetros Majola weKhula Community Development Project eMpuma Koloni, uthe: “Makhe sicenganeni nto zakuthi, khe siyeke lemikhuba kwaye akakho umntu obhalwe ebusweni inkohlakalo esentliziyweni yakhe. Yiyo lonto siquka xa sisithi amadoda la kufuneka nyani ahlolwe ukuba akhonto ikuwo ngaphakathi engalunganga.”

Ngokwengxelo yamapolisa aseMpuma Koloni, akukabanjwa mntu ngesi sehlo. Kubongozwa nabani na onokuba nolwazi malunga noku aqhagamshelane nesikhululo samapolisa esikufutshane naye. Uphando luyenziwa.