IBethel College igqiba ikhulu leminyaka

Isikolo samabanga aphezulu saseGcuwa, nesiqamele ngenkolo iBethel College, igqiba iminyaka elikhulu, kwaye ngokubhiyozela oku, esi sikolo sizakubamba umsitho ozakudibanisa abantu ababesaya kufunda kwesi sikolo.

IBethel ivelise iindwalutho ezifana neKumkani yamaRharhabe engasekhoyo uMaxhobayakhawuleza Sandile, uSomlomo wasePalamente uBaleka Mbete, oosaziwayo kumabonakude uLunga Williams noNoxolo Grootboom, umsasazi uPutco Mafani, obesakuba nguMphathiswa uMandisi Mphahlwa, obesakuba nguMongameli weSANTACO uJabu Mthembu nongasekhoyo uwayengumdlali weqonga uGibson Kente.

UMafani, othethela umbutho ohlanganisa abo babesakufunda eBethel, uthi umsitho wokubhiyozela inkulungwane yesi sikolo uzakubanjwa ngempelaveki yePasika kwesi sikolo.

UMafani uthi ingathi awufiki lo mhla walo msitho, ukuze bazokwabelana ngamabali abo babesakufunda kwesi sikolo.