Intolongo yaseMthatha ineziko lamachiza

UBongani Mbongo libanjwa eliseluvalelweni kwintolongo yaseMthatha ugula sisifo sephepha, uthi bazakuncedakala ngenxa yokuvulwa kweziko lamayeza kule ntolongo.

“Amayeza ebekade esiza apha evela eMonti lo nto ibithatha ixesha phambi kokuba eze kufika kuthi, ngelinye ixesha afike sele ibanjwa libhubhile,” ucacise watsho uMbongo.

Oku kuvele ngethuba usekela mphathiswa wesebe leentolongo nophuhliso lomgaqo-siseko uThabang Makwetla evula ngokusesikweni iziko lamayeza kwintolongo yaseMthatha.

Ingxelo yesebe ithi eli ziko lamayeza lakhiwe ngemali ekwisigidi seerandi (R1.4 M) evela kwingxowa-mali yela sebe kuzwelonke. Uhambisa athi ukuvulwa kweli ziko kuza kubakhuthaza nabo bengamabanjwa agulayo ukuba batye amayeza abo.

Oligosa elijongene kanye namachiza kweli ziko uPhakamisa Sowaba, uthi umsebenzi wabo uzakunaba ngamandla kwindawo ezisemaphandleni.


“Ingingqi esisebenza kuyo iquka idolophu ezifana neCofimvaba, Cacadu, Ngcobo, Lusikisiki, Flagstaff neMbizana – kuza kufuneka sithumele amayeza kwezondawo, kodwa kuzakuba lula ngoku kuba sineli ziko,” utsho uSowaba.

Uthi amayeza abawagcina kweli ziko bawathatha kundlunkulu wabo oseMonti baze bawagqithisele kwintolongo ezikufutshane.

“Amayeza esiwakhupha apha aphumela izifo ezifana nesifo seswekile, esephepha, HIV neAids nezinye eziqhelekileyo, kodwa baninzi abantu abagula sisifo sephepha apha,” uthethe watsho uSowaba.

Esamkela eli ziko ngokusemthethweni, ophethe intolongo eMpuma Koloni uNkosinathi Breakfast, uthi bayavuya ngenxa yesi sibonelelo.

“Yonke le nto ithetha ukuba azimbanga kuphela izinto eziphuma kweli phondo leMpuma Koloni. Ngeli phulo sizakwandisa iintsuku zokuphila kwamabanjwa asezintolongweni zethu,” uthethe watsho uBreakfast.