Inkxalabo ngokutsha kwezakhiwo zaseDutywa

EMVA kwesehlo sokutsha ngumlilo kweThe Village Lifestyle Centre eDutywa, uluntu lwale dolophu lungene kumaqonga onxibelelwano lwabelana ngenkxalabo yalo malunga nokutsha ngumlilo kwezakhiwo zentloko yesiza sikamasipala waseMbhashe.

Izakhiwo ezithathu kwiThe Village Lifestyle Centre, okanye eNgceni nanjengoko isaziwa njalo le ndawo ngabanye, zitshe ngumlilo oshiye idemeshe eqikelelwa nguR5.5 million ngokokutsho komnini wayo uAce Ncobo.

Isiza iThe Village Lifestyle Centre eDutywa sitshe ngumlilo UMFANEKISO: FACEBOOK

UNcobo uxelele I’solezwe lesiXhosa ukuba lo mlilo wenzeke ngentsasa yangoMgqibelo. Unobangela walo mlilo uyinxalenye yophando lwabasemagunyeni.

“Isakhiwo esinemigangatho emithathu (triple storey) sitshe ukuqalela phezulu, ze esinye isakhiwo satsha saluthuthu logama esesithathu singatshanga kuyaphi. Okuhle kukuba akukho mntu wonzakeleyo okanye obhubhileyo,” kuchaza uNcobo, obesakuba ngumanejala jikelele kwiPSL.

“Ushishino yinto esekugqibeleni kwiingcinga zam okwangoku. Ndivuyela eyokuba kungekho kuphulukana namiphefumlo. Ndixhalabe ludandatheko ngokomphefumlo olwenzeke kubahlali bezi zakhiwo, ndithemba ukuba baza kulibala kwiingcinga zabo isehlo ebesikufuphi kwishwangusha lokufa,” utshilo uNcobo.

Isiza iThe Village Lifestyle Centre eDutywa sitshe ngumlilo UMFANEKISO: FACEBOOK

Lo mlilo waseThe Village ubangele ukuba zibe ntathu izakhiwo zoshishino ezitshileyo kule dolophu ekuN2 kwisithuba esingaphantsi kweenyanga ezintandathu zidlulileyo.

Ngenyanga yoMnga nyakenye kwatsha ivenkile yakwaBoxer Superstores eDutywa nengekabonakalisi zimpawu zakubuyela kushishino ukuza kuthi ga ngoku. Ukanti kwinyanga ephelileyo kutshe isakhiwo sakwaOld Mutual.

Isakhiwo sakwaOld Mutual eDutywa sitshe ngumlilo kwinyanga ephelileyo UMFANEKISO: FACEBOOK

Usihlalo weEFF eMpuma Koloni, uYazini Tetyana, ubhale kuFacebook wakhe ebonakalisa ukuxhalaba malunga nezi zehlo zale mililo eDutywa.