Inqununu ityholwa ngokuncwasa abafundi!

“Umthetho wakhe ungumntu othanda ukugona. Angakunkonya azule nawe onke amagumbi esikolo ekuncokolisa, besele siyazi singabafundi ukuba uzakubalixhoba lokucofacofwa nguye ngolo rhatya,” La ngamazwi aphuma komnye owayesakuba ngumfundi kwisikolo iNgangolwandle High eMqanduli emva kokuba befikelele esigqibeni sokuba bathethe ngokuxhatshazwa kwabo yinqununu.

Lo mfundi uthi yiminyaka le nqununu isenza ezi zimanga kubafundi kodwa bathule kuba babemoyika kuba engumntu othembakeleyo xa umjongile kwaye ekwanguye nomfundisi kwibandla elithile.

“Okwakusenza sithule kukuba iSGB, nabazali belali bamthembile kwaye isoloko ililizwi lakhe elilungileyo. Okunye okwabangela singaxeli kukuba xa usithi ndiyeke ndizakuxela ebekuxelele ukuba “kuncedani ubungqina awunabo nje,” utshilo umfundi.

Nangona esi sikolo iNgangolwandle sidume ngokupaselwa kakuhle kwabantwana kula mmandla waseXhorha ngenxa yesandla sale nqununu, oko kuthe kwatshabha ngenxa yezi zityholo zokuxhaphaza ababafundi.

Le nqununu ikhuthele, kuba kwalapha esikolweni ngaphakathi ifuye iinkukhu ngaphambili yayifuye neehagu. I’solezwe ngethuba lityelele kwesi sikolo ngo2016 latya inyama yehagu eyayixheliwe ngethuba isikolo sasibhiyozela impumelelo yeziphumo ezihle zikaGrade12.

I’solezwe LesiXhosa live ngelinye lamaxhoba ukuba bangamashumi amabini abafundi abangamaxhoba okucofwacofwa yile nqununu abavele kule veki ngethuba omnye kuwo ethe wathetha ngokwenziwe kuye yiNqununu ukuze ayokuvula ityala emapoliseni eMqanduli. Likwave ukuba awona maxhoba ngala aye ayokumcocela igumbi lakhe njengoko ehlala kule lali.

Elinye lamaxhoba lithe kukabini yena ecofwa yiNqununu yakhe yayomlanda ekuseni egxamesini lakhe ngoMgqibelo ekuseni esithi makayomncedisa baseze iinkukhu.

“Ndalandela safika sangena endlini wakhupha iyeza leenkukhu akugqiba wavala ucango wasondela kum endicubhacubha iintsula efaka isandla engayekanga ukundicubha namabele. Phofu ngethuba endenza le nto akaboni bugwenxa uyonwabele kwaye uthetha nezinto ezindikhuthazayo ekubeni mandifunde ndipase. Undiyeke akuva ukuba kukho abantu abathethayo phandle ngokuba nam ndigrogrise ngokuba ndizakutswina,” utshilo umfundi.

Abafundi bathi bafuna ukuba angabuyiselwa umphathi wabo kwesi sikolo nangona nje abazali bengaboni bugwenxa kwinto eyenziwe yile nqununu. Bathi abazali belali bayaxoka bathengiwe abafundi ukuba befuna kugxothwe inqununu.

Isithethi sesebe lezeMfundo ephondweni uLoyiso Pulumani uthe bazakulwenza nabo uphando lwabo lwangaphakathi.

UBrigadier Tembinkosi Kinana uthi ibanjiwe le nqununu ngezityholo ebekwa zona. Ivelile kwinkundla zamatyala eXhorha ngoLwesibini. Kulindeleke ukuba iphinde ivele kwakhona nalapho izakufaka isicelo sebheyile.