Intsusa ibengu ‘mholo’ kwathukwana ngabasebenzi!

Imifanekiso evela kwividiyo ejikeleza kumakhasi onxibelelwano.

NguMbhali Wethu

Sele luqalisile uphando lwangaphakathi kwiSebe lezeMfundo eMpuma Koloni emva kokuba abasebenzi ababini beliSebe kubo kukho nesithethi soMphathiswa weSebe bendande kumakhasi onxibelelwano kwi vidiyo eshicilelwe ngethuba lalengxabano kusasa namhlanje nalapho bebexambulisana ngo “Mholo”.

Kule vidiyo ebonwe naleliphephandaba I’solezwe, osisithethi usebenzisa namagama arhabaxa izithuko ukutsho logama ekwatyityimbisela ebusweni umnwe kugxa wakhe.

Isithethi seSebe lezeMfundo uMali Mtima uthi, lenkosikazi uVuyiseka Mboxela isebe limnqumamisile emsebenzini.

UMali uthi le nyewe sele ikwinqanaba eliphezulu kuba sele kuvulwe ityala kwiCandelo loLawulo loBudlwelane bezabaSebenzi kwaye nophando sele luqalile.

“Kuzakubanjwa nendibano ezokubaphakathi kwesi sibini besixambulisana ukuze kubekho uxolo phakathi kwaso. Kwaye esi sibini sikwalindeleke ukuba siye nakululeko kwenzela sisebenze kakuhle emsebenzini.

“Zombini iiofisi zikaMphathiswa uFundile Gade kwakunye ne ofisi yeNtsumpa ebambeleyo uSiyolise Nuku zikugxekile oku zisithi oku akufanelekanga kwenzeka emsebenzini,” utshilo uMtima.

UMtima uqhube wathi iSebe alizamkeli kwaye aziyixhasi iinkqubo ezinje ezobuhlanga, kwanezokuhlukumezana emsebenzini.

Uthi eli Sebe licela uxolo kuye wonke umntu eMzantsi Afrika ngokwenzekileyo.