Kuphangwe abasebenzi be-ambulensi eBhayi

Abasebenzi ababini benqwelo yezigulana (ambulensi) basothukile emva kokuphangwa ngamadoda amathathu abephethe imipu eSchauderville eBhayi kulandela ukusabela umnxeba ngentseni yangoLwesihlanu.

 

Isithethi sesebe lezempilo eMpuma Koloni uSizwe Kupelo, uthi aba basebenzi basabele umnxeba othi kukho inkosikazi elunywayo eSchauderville. “Xa befika kwisitalato iGlendinning kuthe gqi amadoda amathathu ephethe imipu, abe sele ebaphanga nalapho athathe iifowuni zamagosa ethu,” utshilo uKupelo.

 

UKupelo uthi lo mnxeba ubutsalelwe kwiziko leenqwelo zezigulana ubungeyo nyani. “Siyacela kubantu bakuthi ukuba basincedise ukuthintela izehlo ezifana nezi,” utshilo uKupelo.

 

UKupelo uthi amagosa akakhange onzakale, kodwa asothukile sesi sehlo.