‘Power of Positive Thinking’ – kukhangelwa iindlela ezintsha zokucinga eMnquma

Umbutho iPower Of Positive Thinking uzakube usungulwa ngokusesikweni kwidolophu yaseGcuwa ngoCawe umhla we28 wale nyanga.

Osungule lo mbutho nguMbulelo Ntenjwa noseke wangusomlomo kwanosodolophu phantsi komasipala waseMnquma kwiminyaka edlulileyo.

UNtenjwa uthi, lo mbutho uwuqale kunyaka ophelileyo emva kokuqaphela ukuba abantu baseMnquma basoloko beneengcinga ezingayolisiyo, bangacingi zinto zakhayo okanye ezilungileyo, kwaye bathanda ukukhalaza ngalo lonke ixesha.

“Eyona nto siyikhuthazayo kukuba baphile ubomi bangoku, bohlukane nobadlulayo, ukuze umntu akwazi ukuqhubeka nobomi baphume kwintsokolo.

“Sikhuthaza abantu ukuba bazibandakanye nezoshishino kuzophela izikhalazo zentswelangqesho. Ezindibano sizibamba njengeenzame zokuba uluntu luhlale lunengcinga ezintle hayi ezizakubadodobalisa kwinkqubela phambili,” utshilo uNtenjwa.

Lo msitho uzakubanjelwa eWayside Hotel eGcuwa ukusukela ngentsimbi yeshumi elinesibini. Kulindeleke isithethi esingowasetyhini njengoko kuseyinyanga yamanina.

UNtenjwa ukwathe kulindeleke amagqwetha kwanezifundiswa ezinezidanga kumakhono awohlukeneyo, bekwakhuthaza ukuba abahlali bazibandakanye ukuze bafunde. Ukwathe akhona namathuba okukhuthaza abo banezinto bolule isandla kwabo bangenanto.

Ukanti kuzakugxilwa nakwimixholo yezemfundo, urhulumento loomasipala neendlela ezifanelekileyo zokuzigcina usempilweni.