#TheQueen: Yamkela uZenande Mfenyane!

UZENANDE Mfenyane uyaqala ngokuhlwanje [17 kuTshazimpuzi] ukubonakala kumdlalo iThe Queen.

  Ezi ndaba zibhengezwe ngumbhali oyintloko walo mdlalo uPhathutshedzo Makwarela kwikhasi lakhe likaTwitter.
UZenande, nekucaca mhlophe ukuba uza nedrama yodwa kwiThe Queen, ngumdlalo wesibini weFerguson Films Production azakudlala kuye lo – nanjengoko ephinde wabuya kwisizini yesibini yeGazi.
Eli gqiyazana nelizakudlala indawo kaGoodness kwiThe Queen, laziwa kakhulu kwiqonga lemidlalo kamabonakude. Wazenzela igama  njengoNoluntu kwiGenerations.
Ngokwezwi eliphuma kwiMzansi Magic, uGoodness unesixhiba ngakusapho lakwaKhoza kwaye uceba ukuziphindezela ngokuba ngumolokazana kaHarriet (Connie Ferguson). 
“Uligqubusha elikhulu eliqhutywa kukuziphindezela. Uqhutywa likratshi nangumsindo kunjalo nje unobuso obuhle obogquma intliziyo yenyoka. Ukwanalo uthando nobubele – kodwa xa efumana oko akufunayo. Uyintokazi engoyikiyo ukusebenzisa ubuntombi bayo ukufumana okuthile.
Uyathanda ukukhuphisana ngamandla nabo basebuhlanti.”