Abahlali bazisikela iziza ngenkani!

Abahlali baseZimbane Valley eMthatha bathi abazukubukela umasipala ezithathela umhlaba wabo ngokungekho mthethweni.

Oku kulandela inyathelo labahlali abasondele ekhulwini lokuzisikela amanxiwa ngenkani kule mpela veki. Ngethuba intatheli yeli phepha ndaba, Isolezwe – igaleleka kule ndawo ekufuphi nerenki yezithuthi eZimbane Valley, abahlali bebezidaphela kulo mhlaba logama itele – tele ibinyuka isihla icanda amanxiwa olutsha lwale ndawo.

Inkokheli yabahlali uRodgers Zwakala, uthi emveni kweengxelo zokuba umasipala uwuthengisile lo mhlaba, kwaye omnye kuzokwakhiwa kuwo izindlu zikarhulumente, bavumelene ekubeni bacandele ulutsha amanxiwa.

“Abantwana bethu abaphangeli, abanamanxiwa, kwaye xa umasipala enikezela ngezindlu zikarhulumente abaxhamli. Asizukuhlala sibukele sithathe isigqibo sokuwasika kumhlaba wethu. Asibangisani namntu,” utshilo uZwakala.

Ukwathi ukusuka namhlanje [uMvulo] ulutsha luzokwakha izindlu zalo kula manxiwa amatsha.

“Sinolwazi ukuba umba webango lomhlaba usenkundleni yamatyala kodwa umasipala uyaqhuba nokwenza unothanda kulo mhlaba engakhathaleli nenkosi yethu,” kucacisa le nkokeli.

Ngokwengxelo yabahlali, inkosi yelali uNkosikazi Nosizwe Maxhwele, ubefikile wathetha nabo ngoMgqibelo ezokusabela ngenjongo yokuzisikela amanxiwa. Unike umyalelo wokuba kuthiwe xha ngeli nyathelo nanjengoko ibango lomhlaba lisaqhuba enkundleni yamatyala aphakamileyo.

Omnye wabantu abatsha abasikelwe amanxiwa kule ndawo, noneminyaka engamashumi amathathu anesithandathu ubudala uthe:

“Kudala silinde ithuba lokusikelwa amanxiwa, siyavuya abazali bethu besisikela amanxiwa. Abantu abanikwa izindlu zikarhulumente ayingobantu balapha eZimbane ngabezinye iindawo. Asiphangeli kodwa sizokwazi ukuzakhela imizi yethu.”

Inkosi yaseZimbane, uMaxhwele uthe: “Mna njengenkosi andinalwazi ngocando lwamanxiwa ngabahlali. Lo mhlaba kucandwa kuwo asikawunikwa yinkundla ngokwebango lomhlaba. Ndiyile phaya ngoMgqibelo ndiyokusabela, kodwa ndaxelelwa ukuba kunqandwa umasipala ozakuthatha lo mhlaba akhe izindlu zikarhulumente”

UMasipala weKing Sabata Dalindyebo (KSD) uligxekile inyathelo labahlali ngelithi oku kubambezela inkqubo yophuhliso, kwaye wonke umntu ofuna inxiwa makatyelele umasipala angazithatheli umhlaba.