Umzali utyholwa ngokubopha umntwana ngetsheyini

UZAKUVELA enkundleni eNgqushwa ngomso owasetyhini onamashumi amabini anesine ngezityholo zokuxhaphaza umntwana wakhe.

Isithethi samapolisa eNgqushwa uMali Govender uthi, lo wasetyhini ngumama wabantwana ababini, ujongene nesityholo sokubophelela umntwana wakhe omdala ngetsheyini emva koko wamvalela endlwini imini yonke yangolweSihlanu.


Le nyewe iye yachazwa kumapolisa nawaye amapolisa ayichaza kooNontlalontle. Bobabini abantwana bakhe, oneminyaka emithandathu noneminyaka esibhozo ubudala baye bathathwa kulo mzali ngoonontlalontle. Okwangoku basagcinwe okwethutyana nguninakhulu wabo nokwilali ezikufutshane kwaseNgqushwa.