Vela Bahleke

Kunalamawele
amabini ayengeva kunjalo nje efana kunzima ukuwohlula, nditsho nkqu nabazali
awo babesohluleka ukuwahlula ukuba lo ngubani lowa ngubani ngenxa yokufana. Esikolweni
ibiba seso, ufike bebhidisa utitshalakazi angazi nokuba ngubani owenze ntoni
kuba bayafana. 

Lento yokumosha kwaba bantwana kuhlala kungena amatyala mihla le
iye yamcaphukisa utata wabo de wagqiba kwelokuba abajonge ngeliso lokhozi
kwinto yonke abayenzayo ingakumbi apha ezifundweni zabo. Qho bebuya esikolweni
bekunyanzeleka ukuba benze umsebenzi wesikolo athi ukufika kwakhe uyise esuka
emsebenzini baqinisekise ukuba uyawubona. 

Le nto iye yamenza waya eba bukhali
omnye ezifundweni zakhe ngelixa omnye wayengatyi kwanto. Nayo leyo ibenze baba
namanye amaqhinga, lo ubukhali ezifundweni ebeye abhalele nalo ubuthuntu ze
baphumelele bobabini. Le nto iye yamothusa noko uyise kuba ebesazi ukuba
likhona iwele elingatyi kakhulu apha emagameni kodwa waqonda ukuba makathule
ziyeza iimviwo zaphakathi enyakeni apho aza kubona khona ukuba ngubani kanye
kanye lo umqhathayo. 

Okunene zifikile iimviwo zaphakathi enyakeni labe lingekho
tu ikroba lokuba eli lityayo emagameni lincedise eli libuthuntu. Xa zifika
iziphumo owokuqala ase iziphumo zakhe kuyise abe efumene amashumi alithoba
anesihlanu ekhulwini, ambethe uyise kuba esithi ufuna ikhulu ekhulwini. 

Xa
lifika elesibini libe lize nesihlanu ekhulwini, xa embuza uyise uthi, umfowabo
umbele lamashumi alithoba anesihlanu yiyo lento eze nesi sihlanu, watyhafa
uyise!