Uyichithe njani imali kaNSFAS uSibongile Mani?

USibongile Mani Umfanekiso: Siyanda Jantjies

Ithiwe thaca ePalamente indlela umfundi weYunivesithi iWalter Sisulu (WSU) ayichithe ngayo inkuntyula yemali ebifakwe ngempazamo kwikhadi lakhe lenkxaso-kutya likaNSFAS.

 Le mali ekwizigidi ezilishumi elinesine zeerandi (R14m) uSibongile Mani uyifumene ngomhla wokuqala kwinyanga yeSilimela. Wayefanele ukuba ufumene iR1 400.

Ngokwengxelo ethiwe thaca ePalamente ngoLwesithathu, uMani uqale ngokuthenga kwaSteers ngeR56.57 waphinda wathenga kwakhona kwaSteers ngeR339.70.

 Kwangale mini inye, uMani waya kwaDiscount Supermarket wathenga ngeR1 255 ze wandula ukuya kwaCheckers eVincent eMonti apho wasebenzisa imali engaphaya kweR20 000 kwizihlandlo eziliqela.

 “Kulo mfundi sibona umntu obefuna ukuchitha imali ngendlela ekhawulezileyo. Lo mfundi ufunda eMonti kodwa iyafuna ukuqwalaselwa eyokuba uyikhuphe njani imali eGeorge, Komani naseCenturion,” itshilo ingxelo ye-IntelliMalli ePalamente.

UMani ukwavulelwe ityala kumapolisa aseMpuma Koloni kwaye uphando luyaqhuba ngesona sizekabani sokufumana imali engange-R14 million. Kule mali uMani ebesele echithe iR818 000.