Wone ngokucela ishumi “R1” wabulawa, nomrhanelwa wabulawa!

Intwazana eneminyaka emithandathu (6) kuphela izelwe yakwa-N.U 13 eMdantsane ethe yabulawa ngubhuti owaziwayo ekuhlaleni, ibisanda kugreda iphumelela ekhrishi kwisikolo soonomngqushwana kuba izakuya kwaGrade R kunyaka omtsha esijonge kuwo u-2024.

Ngokwengxelo ephuma kothethe neli phephandaba ithi intwazana negama elinguSikholiwe Mahleka (6), ibidlala esitalatweni nabanye abantwana njengesiqhelo ngethuba kusithi gqi le ndoda, naye wacela ishumi kuba efuna ukuthenga iilekese. Umrhanelwa kwakunye nexhoba babonwe sele benyamalele yabe sele ilithuba elide.

AmaPolisa adiza ukuba umzimba womntwana uye wabhaqwa ufihlwe ngaphantsi kwebhedi ngoLwesine umhla wesixhenxe (7) nobuduke ngezolo umhla wesithandathu (6).

Ingxelo kaColonel Priscilla Naidu ithi, emva kokufumana ingxelo ebahlalini amapolisa atyelele kwindlu erhanelekayo ehamba nabahlali, nalapho bafike umrhanelwa ehamba ze egcuma zintlungu zokubethwa.

UNaidu uthi, bangene ngaphakathi begqogqa nabafike umzimba wale ntwazana usongelwe ngeplastikhi phantsi kwebhedi.

UNaidu uthi kuyaphandwa, kwaye kuvulwe amatyala amabini okubulala. Elokubulawa komntwana kwanelokubulawa komrhanelwa ngabahlali. UNaidu uthi kusazokwenziwa uvavanyo ukujonga ukuba ingaba khange adlwengulwe kuqala na umntwana.

UProvincial Commissioner, uLt Gen Nomthetheleli Mene uthi esi sehlo simothusile, esithi senzeke ngexesha apho iliphulo leentsuku ezilishumi elinesithandathu elilwa nokuxhatshazwa kwabantwana namanina elaziwa ngokuba yi-16 Days of Activism.

UMene uthi esi senzo sobundlobongela asamkelekanga ingakumbi emntwaneni osemsulwa nongazinto.