IChippa United iya emfazweni enzima ePolokwane

UAbel Mabaso weChippa United ecelwa umngeni nguGranwald Scott weBidvest Wits kumdlalo weAbsa Premiership 2017/18 owawuphakathi kweBidvest Wits neChippa eGoli nyankenye UMFANEKISO: ©Muzi Ntombela/BackpagePix

Emva kwesizini ebenamagingxigingxi aliqela, iChippa United iya kumdlalo wayo wokugqibela kule sizini iqinisekile ngokuhlala kwayo kwiPSL.

Ubalulekile ke kambe umdlalo wayo wale mpelaveki ngoba ukuba iyaphumelela, lo nto iyakuthetha ukuthi iyangena kwiTop 8.

Ukungena kwayo kumaqela asibhozo aphambili kuya kuthetha ukuthi yenze umsebenzi omhle xa kuthelekiswa nesizini ka2016/17 ephantse yangena engxakini kuyo.

Kule mpelaveki iiChilli Boys zijongisa imibombo kwiphondo laseLimpopo – apho kulindeleke kubekho imfazwe xa zisilwela amanqaku amathathu kumdlalo obalulekileyo ophakathi kwazo nePolokwane City ngentsimbi yesithathu eOld Peter Mokaba Stadium.

Omnye wabadlali ekulindeleke ixhathise ngabo iChippa emdlalweni ngumdlali wasesiswini, uAbel Mabaso.

Le ndedeba yaseThekwini yenze umsebenzi oncomekayo kwiChippa ukusukela ekuqaleni kwesizini.

Kubekho iinguqu eziliqela kwicala labaqeqeshi, kodwa uMabaso ukwazile ukusetyenziswa ngabo bonke.

“Sisebenze nabaqeqeshi abathathu kule sizini. Kwicala lam, ndingatsho ukuba indincedile lo nto ngoba ndiye ndakwazi ukunxulumana neendlela abasebenza ngazo ezahlukeneyo.

Indawo endidlaliswa kuyo ngoku indikhulisile emdlalweni wam kwaye ndikwazile nokulincedisa kakhulu iqela kwicala lamagowuli nokudala amathuba,” utshilo uMabaso kwelo phephandaba.

IiChilli Boys ziya kwiPolokwane zikhululekile kwaye belulamile nabadlali abafana noMark Mayambela obekhonkxwe ngumonzakalo. Nangona umqeqeshi weChippa, uVladislav Herci, ebengayithanda into yokungadlalwa kwemidlalo kwiPSL kwiveki ephelileyo – kodwa uncedakele ngoba abadlali bakhe baya kumdlalo wokugqibela iingqondo zabo zihlaziyekile.

Amanqaku amathathu ngawo kuphela aya kuqinisekisa ukuba iChippa ingena kwiTop 8 ityeli lesibini ukusukela ngo2010.

Imidlalo yePSL:

NgoMgqibelo: Maritzburg United vs Golden Arrows @Harry Gwala Stadium, 15:00; Ajax Cape Town vs Kaizer Chiefs @Cape Town Stadium, 15:00; Orlando Pirates vs Free State Stars @Orlando Stadium, 15:00; SuperSport United vs Baroka FC @Lucas Moripe Stadium, 15:00; Platinum Stars vs Bidvest Wits @Royal Bafokeng Stadium, 15:00; Bloemfontein Celtic vs Mamelodi Sundowns @Dr Molemela Stadium, 15:00; AmaZulu FC vs Cape Town City @King Zwelithini Stadium, 15:00