‘Sicela uxolo kubalandeli bethu’

Umdlali weSouthern Kings, uNtabeni Dukisa, ucele uxolo kubo bonke abalandeli ngokwenzeke kwiGuinness Pro14 kule siziniumfanekiso: Frikkie Kapp/BackpagePix

ISouthern Kings neCheetahs ngamaqela amabini aseMzantsi Afrika adendwayo kwitumente yeSuper Rugby ekupheleni konyaka ka2017 emva kokuba ISANZAR ikhale ngokwehla kwezinga lale tumente.

Kwanyanzeleka ukuba iSaru ibe manxadanxada ikhangele itumente eza kugcina amaqela adlala kumgangatho ophezulu.

La maqela afunyanelwa indawo kwiPRO 14 equka amaqela akwilizwekazi laseYurophu.

Yenze kakuhle iCheetahs kule tumente, ilwe yoyiswa kumdlalo wokulwela indawo owandulela owamagqibela kankqoyi.

ICheetahs ibethwe ziintshatsheli ezikhuselayo iScarlets – kodwa bekunzima kakhulu kwiSouthern Kings.

IKings iphumelele umdlalo omnye kwimidlalo engamashumi amabini ananye eyidlalileyo.

Umdlali weKings, uNtabeni Dukisa, ukholelwa ukuba ukungaqheli ukudlala kwimvula nengqele yaseYurophu kube negalelo kwindlela abaqhube ngayo kwiPRO 14.

“Uninzi lwethu besingaqhelanga ukudlala kwimozulu enjeya yaye ndikholelwa ukuba isibethile kakhulu lo nto kwimidlalo emininzi,” utshilo uDukisa.

Noxa lingenzanga kakuhle iqela laseMpuma Koloni, le ndedeba ithi kuninzi abakufundileyo kwisizini yabo yokuqala kwiPRO 14.

“Ewe, asenzanga kakuhle kule tumente, kodwa kuninzi esikufundileyo. Amava esiwazuze kule sizini aza kusinceda ukubheka phambili,” utshilo uDukisa.

“Ukungadlali rhoqo ngenxa yokonzakala yenye yezinto ezindivise kabuhlungu kule sizini.”

Le ndedeba iyibulele inkxaso abayifumene kubalandeli bombhoxo baseMpuma Koloni.

“Okokuqala siyaxolisa ngokungenzi kakuhle. Siyabulela inkxaso nothando lwabo abasibonise lona,” utshilo uDukisa.

Kwezinye iindaba, iiBorder Bulldogs ziza kungquzulana ne-Eastern Province Elephants kumdlalo weSupersport Challenge.

Omabini la maqela awazihambeli kakuhle izinto kule tumente. IBulldogs ibethwe kuyo yomithathu, ngelixa zona iElephants ziphulukene nayo yobimibini eyazo imidlalo.

Eli dabi lamaqela aseMpuma Koloni liza kubaseBuffalo City Stadium ngentsimbi yezixhenxe malanga umhla weshumi elinanye kwekaCanzibe.