Makazole Mapimpi: Uxhomile umgangatho kwiSharks

USylvian Mahuza weLions ecelwa umngeni nguMakazole Mapimpi weSharks ngethuba lomdlalo we2018 Super Rugby phakathi kweLions neeSharks eEllis Park Stadium, eGoli UMFANEKISO: ©Samuel Shivambu/BackpagePix

UMakazole Mapimpi ngomnye wabadlali ababonakalisileyo ukubanesakhono kwezi sizini zimbini zidlulileyo.

Lo mdlali wenza ezibukwayo kwiSouthern Kings nakwiCheetahs ngokulandelelana. Kunyaka ophelileyo, uMapimpi unkqonkqoze kumaBhokobhoko emva kokudlala umbhoxo ophucukileyo.

Ukudlala kwakhe kakuhle uMapimpi kumvulele ithuba kwiSharks emtyikityileyo.

Nangona kucaca icala nje xa elinikiwe ithuba kwiSharks, uMapimpi udlale imidlalo emine.

Ulele emgceni kwimidlalo emithathu kwelithoba edlalwe liqela lakhe kwiSuper Rugby. Lo mdlali uthi uxhomile umgangatho kwiSharks.

“Uxhomile umgangatho kwiSharks. Sikhuphisana ngendawo enye sibaninzi,” utshilo.

Le ndedeba ithi inoloyiko lokuba ukungadlali qho kunganciphisa amathuba wayo okudlalela iqela loMzantsi Afrika lombhoxo.

“Kunyaka ophelileyo ndidlale kwiqela leSA A – kodwa ukungadlali rhoqo kuza kuwanciphisa amathuba okuba ndibizwe kwakhona,” itshilo le nzalelwane yaseTsholomnqa.

UMapimpi, 27, ukholelwa kwelokuba le mingeni ajongene nayo iza kumenza abe ngumdlali ongcono.

“Asikaqhelani kakuhle nomqeqeshi weSharks. Yenye into endiqonda ibangela ukuba ndingadlali qho. Imicelimngeni iyamkhulisa umntu, nam ke ndiyakholelwa ukuba iza kundikhulisa,” utshilo uMapimpi.

Eli tyendyana aliyilibali inkxaso eliyifumana kubalandeli bombhoxo. “Ndiyayibulela inkxaso yabo abalandeli,” uvale ngatshoyo uMapimpi.

Imidlalo equka amaqela aseMzantsi Afrika kwitumente yeSuper Rugby kule mpelaveki: ILions indendwela iHurricanes e-AAMI Park ngemizuzu engamashumi amabini anesihlanu phambi kweyeshumi kusasa.

IStomers singquzulana neBulls eNewlands, ngemizuzu emihlanu emva kwentsimbi yesithathu emva kwemini.

ISharks ziqubisana neeHighlanders, eThekwini, ngemizuzu emihlanu emva kwentsimbi yesixhenxe malanga. Yonke le midlalo iza kudlala ngoMgqibelo umhla wesihlanu kwekaCanzibe.