Caster Semenya: UThixo wandidala ndanje, mna ndayamkela lo nto

UCaster Semenya ude waphawula ngomthetho omtsha we-IAAF. Umfanekiso: backpagePix

Emva kweentsuku
eziliqela ethe cwaka ngomthetho omtsha we-IAAF oshiye abantu abaninzi benikina
iintloko, uCaster Semenya ude waphefumla. Kwiveku ephelileyo, i-IAAF yothuse
ihlabathi lonke ngethuba ibhengeza umthetho omtsha oza kunyanzela iimbaleki
ezifana noCaster Semenya ukuba zisebenzise amachiza athoba amandla khonukuze
zivunyelwe ukuthatha inxaxheba kwimidyarho ethile yehlabathi. Umthetho omtsha ubonwe
ngabantu abaninzi njengegumgedle elakhelwe uSemenya kuba inguye ogqigqisayo
kwihlabathi.

“UThixo wandidala
ngolu hlobo kwaye mna ndayamkela lo nto.” Lawo ngamazwi athethwe nguCaster
Semenya kuTwitter kutshanje ephawula ngomthetho omtsha oqulunqwe yi-IAAF
kwiveki ephelileyo. Ezi zinto zenzeka uSemenya efika esuka kwilizwe
lase-Australia – apho abuye neembasa zegolide ezimbini emva kokugqugqisa
kwiCommonwealth. Lo mbutho olawula imiba yeembaleki utshintshe umthetho
ochaphazela iimbaleki ezibaleka imigama efana ne-400m, 800m neminye.

Ingcali yomthetho
ephuma e-University of Pretoria,
uMnu. Steve Comelius, ugqibe kwelokuba alahle kwi-IAAF kuba esithi akakwazi
ukuba yinxalenye yombutho oqulunqa imithetho eyenzelwe ukucinezela abantu
abathile. Umphathiswa weZemidlalo, uTokozile Xasa, uthe uza kuyixhasa le
mbaleki watsho ecela nabantu belizwe lonke ukuba benze njalo. USemenya kulindeleke
athathe inxaxheba kumgama oyi-1 500m phantsi kwe-IAAF Diamond League kwidolophi
yaseDoha kwilizwe laseQatar ngentsimbi yesithandathu ngorhatya ngoLwesihlanu.