UTHEMBU KANGCWANGU KATSHAWE

Mlesi masabelane kwezakulo vimba wolwazi. UNguni uzele uXhosa, uLuzumana Zulu, uSwazi noNdebele. UXhosa kukunene kukaNguni. AmaXhosa nanjengoko ayesanda, uXhosa wazala uMalangana ozele uNkosiyamntu.

UNkosiyamntu uzele abantwana abathathu uCirha indlu enkulu, uTshawe iqadi lendlu enkulu, Jwara ukunene, noQwambi omdala.

UTshawe zange afune ukuphathwa ngabakhuluwa bakhe kwaliwa, uTshawe encediswa ngamaMpondomise amaRhudulu [Ngwevu] Sikhomo, woyiswa uCirha yaba nguTshawe ikumkani waza wathi uTshawe “unyana wam ndakumthiya ndithi nguSikhomo” ukumnika isidima, yiyo lo nto sinoSikhomo wamaMpondomise nowamaXhosa.

UTshawe uzele oonyana ababini, uSikhomo kwindlu enkulu, waze wazala uNgcwangu ekunene, uNgcwangu uzele uThembu nabanye. UTshawe wakhothama.

Kwangena ukumkani uNgcwangu kamva kwalandela uSikhomo kaTshawe, okhokele amaXhosa egudle umzantsi-ntshona wolwandle.

USikhomo wakhothama wangcwatyelwa ngaseCumnce, kwintlangano yomlambo uMthatha kwingingqi yaseNgqeleni. Kunombuzo osoloko ungenampendulo wokuba kwenzeka ntoni kukumkani uNgcwangu emva kokuba uSikhomo engene kulawulo.

Kwabakho iingxoxo zekhaya ezinzima zaphuma nelokuba kumiswe indlu kaThembu ehlanganisa ooSikhomo nabaThembu, eluphondo oluzimeleyo yathiywa ngoThembu.

Ukumkani uNgcwangu kwakho wasala komkhulu eyikumkani yabaThembu. Ukumkani uNgcwangu wakhothama wangcwatyelwa eMzimkhulu kuNtsibakazi eyayiphantsi kophondo lweDedesi eyiMpuma Koloni ngoku.

Isizukulwana sakhe siye sanyukela kancinci-kancinci ngasentshona yeThembuland / Tambookieland wazinza apha phezu komlambo Indwe, phakathi kwe (White Kei River) eCacadu.

NguZiko Gandowentshaba kwiminyaka ye1700 oye wagcina lo mzi eyikumkani yabaThembu kwiphondo elizimeleyo. Kunembali ethi indlu yasekunene iqale apha kukumkani uPhalo kwaXhosa kodwa ngokolwazi lwababhali abaphume izandla, abavumelani naloo mbali. Indlu yokunene yaqala kwakuNguni ukuza kuNkosiyamntu.

Ulawulo ke lwamaNgesi, amaKoloniyali lwalunomkhwa okhohlakeleyo wokutshabalalisa nokukhukulisa ubukhosi nobukumkani babo bangazimiselanga ukuva izwi labo.

Endaweni yabo bamilisele ezabo iikumkani/iinkosi abasebenzisana nazo. Nangoku yiyo lo nto iminombo yethu thina ngabanye yaphela ivuyavuyeka kwanezindlu zobukhosi bamanantsi ngokubanzi. Kwakusetyenziswa zonke izixhobo ezazikho ukuqinisekisa ukuba lo mkhwa wenzeka ngempumelelo. Eli futhe lisusele phaya kwaZulu-Natal ukuzokutsho apha eDedesi eyiMpuma Koloni kule mihla.

Ubukhosi bona bezinye izizwe buqale ukubhanga pha ngo1815, baqala ukuwelela kwimida kaThembu kaNgcwangu eyayiyi Dedesi, ndingabalula uChunu noThembu kaMalandela wendlu kaZulu bekhokelwe nguNgoza.

Bafikela kanye kula mhlaba umi amaMpondo kaFaku bachithachithwa. UChunu yena wahlaselwa ngamaZulu awayegade imida yabo.

Kukho nabanye abalandela emva kwabo, nabo bedilizwa zimpi zikaTshaka, amaBhaca noMatiwana abangene ngeNtaba zeStomberg, Lukhanji banqandwa yiWhite Kei River bamisa umzi bazinza eRhodana eyaziwa ngoku ngeLady Frere eCacadu. Ngukumkani uSarhili wamaXhosa ngelo xesha unyana kakumkani uHintsa Aah!!! Zanzolo obexhuzula imikhala kwezo zizwe.

Ngokobummi bezemihlaba eMpuma Koloni yoMzantsi Afrika, ibonisa ukuba iThembuland yayiliphondo olwalunobukumkani obuzimeleyo kakade, bulawulwa ngamaTshawe phantsi kokumkani uNgcwangu.

Entshona yeTambookieland yayizizizwe ezinje ngamaGonaque (kaChwama unyana kaHinsati), namaKhoisan la abuya nawo awela phantsi kwamaXhosa.

Indlu yabaThembu bakaNgcwangu ekukunene kukaXhosa kwiphondo elizimeleyo ikhona iyaphila, yaye andiqondi ke mlesi ukuba ukhona osathi akekho uThembu kaXhosa, yaye nesizukulwana sakhe ukumkani uNgcwangu sisaphila ngobuninzi.

Le mbali ndithetha ngayo namhlanje yafunyanwa kubaphandi abamhlophe nabantsundu ababenomdla kumabali abantu abantsundu ngo1845, baqala ukubhala ababhali abanye babo ngo1920-30.

Ukwenziwa iAfrika amaThanga ngamakoloniyali kwadala kona umonakalo ongasoze ubuye usenze siphinde sibuyele kubutyebi ebesinabo ngaphambili. Ilizwe loobawo bethu libhokoxekile, amasiko, izithethe nenkolo yethu zifile, zabulawa ngenjongo.

Mlesi enye into ekufanele siyazi, amakoloniyali ukungena kwawo eAfrika bafumanisa ukuba iikumkani neenkosi zinendlela yazo ethile yokulawula enobuAfrika nengqondo benenjongo yokwenza iAfrika enye ebumbeneyo zinobuntu.

Nawo la makoloniyali akopa lo nto azama ukudibanisa abantu kodwa phantsi kweambrela yolawulo lobukoloniyali besebenzisa amandla esinyanzeliso ukudibanisa abantu baseAfrika ngethemba lokuba le nkqubo yabo iza kuzisa impucuko kubantu abantsundu, bebakhuthaza ukuba mabalibale ngeekumkani/iinkosi nonxulumelwano lwamazwe ngamasiko nezithethe nobunye.

Camagu!

*Prince DM.Bebi-Ngcwangu (Bangikhaya) ngumzukulwana womzukulwana kaJantyi umThembu kaNgcwangu