Uncuthu lomculo nendyondyo kukhahlelwa uWinnie!

UDumza Maswana eqongeni UMFANEKISO: Facebook

ISISWENYE somzabalazo esiwileyo uWinnie Madikizela – Mandela uhlonitshwe ngengoma kwi-IsiXhosa Acoustic Tour ibibanjwe kutshanje yimvumi yomngqungqo uDumza Maswana.

Kolu khenketho lwakhe obeluntsukuntlanu, uMaswana ukhahlele kweli qhawekazi loMzantsi Afrika ngokuthi abhale aze acule ingoma ethi ‘Madikizela.’

Le ngoma, uthi uyibhale ngoLwesibini weveki ephelileyo kanye phambi kokuthabathisa nohambo lwakhe obelujikeleza iMpuma Koloni.

UMaswana ebekhwele kwiqonga lase-The Square Africa eMonti, entyiloza ngendyondyo adume ngayo, etyibela uMadikizela ngengoma ngethuba equkumbela ukhenketho lwakhe.

“Andikayigqibi ingoma endiyibhale ngoMam’ uWinnie, kodwa ndiza kunivisa ukuba ihamba njani,” watsho eyicula emva koko.

UMaswana, onkaba ikwidolophu yaseNgqushwa, wonwabise iidolophu ezintlanu eziquka iBhayi, iRhini, iNgqushwa, iQonce neMonti ngeveki enye kuphela.

Uluntu obe luphumile belubalisa indlela eliwonwabele ngayo umculo wale mvumi. UMaswana ebetsholoza ngeengoma ezikwicwecwe lakhe elitsha ezifana noMolo, Nomthandazo, Andikho noSombawo.

Ukwabulele inkxaso yabathandi bakhe ngokuphuma ngonina kolu khenketho.

“Andiwuvali umlomo luncumo. Enkosi kuni ngokungazenzisiyo ngokundivumela ndabelane ngesipho sam nani. Nindenze ndaziva ndonwabile,” kubulela uDumza.

Le mvumi ibikhatshwa yiSoulBiJazz noVinny Mak abafudumeze iqonga ngomculo othi ndiphulaphule ohamba nesiginci.

UMaswana udize ukuba uzakube esasaza inkqubo yomculo kwiBayTV kungekudala. Ekwaxelela abantu ukuba amatikiti wokungena eGuild Theatre ngomhla wesibini kweyeSilimela xa esenza iDVD yakhe, sele ekhona eComputicket.

“Yiyani ngobuninzi benu niyokuthenga amatikiti axabisa phakathi kweR200 neR300 ukuze nizibekele indawo,” utshilo.