Ibhinqa libanjwe lintsintsitheka nentsangu


Iza kuvela phambi kwenkundla yamatyala eGcuwa ngoMvulo intwazana enamashumi amabini anesine ubudala ebhaqwe ngamapolisa inentsangu kwibhegi yayo.

Le ntwazana ibanjwe kwisiphambuka sikahola wendlela uN2 kuNdabakazi ngoLwesine emva kokuba amapolisa emise imoto ebikhwele kuyo, kuba isuke yarhaneleka.

Le ntwazana ibisuka kwidolophu yaseMthatha isisa intsangu eBhayi ngethuba ibanjwa.

Ngokwengxelo ephuma kwisithethi samapolisa aseGcuwa neziphaluka uKapteni Jackson Manatha,  intsangu le ixabisa imali engangeR37 000. Le ntsangu ibikumlinganiselo weekhilogrem ezingamashumi amathathu anesithandathu nesiqingatha (36.5 kg).