Bhinqa ndodandini!

Amabhinqa, ingakumbi ulutsha, asoloko ekhalazelwa ngokuba ngawo akhokelela ekubeni amadoda awenze le mikhuba awenza yona. Kuthiwa anxiba ngendlela ethabathekisayo nethumela umyalezo othi ‘ndinguyelo!’ Lowo myalezo kandinguyelo ke kukuhluba nokusanyula kwamabhinqa, acaphuke ke amadoda.

Andikhanyeli nto kule ngcamango, kuba ke zenzeka ndijongile nam ezi zinto, andiziva ngokubaliselwa ndiyazibona. Endingakwaziyo yingcamango nokwenzeka ezingqondweni zala maqela omabini, ibhinqa nendoda, xa sukube kunxitywe ngolo hlobo.

Endikuqondayo kukuba okwenzeka kweyam ingqondo kwahlukile kokwenzeka kwezabo, kungenjalo nam ngendisenza kwaezo nto.

Kambe ke kunandawana ingahoyekanga nendicinga ukuba asibobulungisa ukungayihoyi. Nawo ngokwawo amadoda la anxiba ngendlela ekrokrisayo nekusengenzekayo ukuba inento eyenzayo kumabhinqa. Ndisitsho nje andikwazi okuthabathekisa ibhinqa, nendandikwazi ndicinga ukuba sele kwaphelelwa lixesha.

Ingaba indoda ayiwuva na umsintsila wayo xa ungaphandle ebhulukhweni? Ukuba iyawuva iwuyekelani ngaphandle?

Isikhinda sona ingaba kulungile na ukuba sibe ngaphandle ebhulukhweni, phakathi kwabantu? Ukuba silungile, kuba kubi ndawoni xa isesebhinqa esingaphandle?

Njengokuba amadoda ezikhalazela ezi zinto xa zisenziwa libhinqa inokuba zilungile xa zisenziwa ngawo? Zwindini!

Amankazana anamhla anxiba iibhulukhwe. Athi akuqhitswa yindalo ekude namagumbi okuzithuma kunyanzeleke ukuba ahlube, ngokungafaniyo naxa ebenxiba iilokhwe apho ebeya kuthi vovololo, kungaveli nto.

Iba ngumnqa nesimanga ke kumadoda ukuhlala kwala mankazana ethafeni esabela kwindalo, ehluba esidlangalaleni ekhulula ibhulukhwe leyo. Umzimba webhinqa ke ulunge enkosini yalo!

Kodwa wona amadoda akonqeni ukwenza oko emehlweni abantu, engakhathali nokuba kukho namabhinqa na. Ingaba owendoda umzimba awuvi ulunge enkosikazini yawo njengowebhinqa olunge enkosini yalo? Makhamandela ndiyeke!

Indoda ayonqeni ukusuka ichame ijongise ebantwini, ingakhathali nokuba kukho namabhinqa na phakathi kwabo bantu.

Ukuba yona itshiswa ngumchamo ngoku, ayinyali ukusuka ikhulule irhole umnqayi wayo ithulule iketile esidlangalaleni. Anento yokwayamisa nasentwenini na ayibona ime phambi kwawo, engakhathali nokuba ayiwagqumanga ngokupheleleyo na ke loo nto ayamisa kuyo.

Ndike ndibone umhlola apha ezindleleni zeenqwelomafutha, kwezi ndawo zinolungisondlela. Indoda ithi ngeli xa zisamisiweyo izithuthi iphume yayamise ngenqwelo, ngelo xesha inqwelo ephambi kwayo nesemva kwayo zinamabhinqa, mhlawumbi kwakule iphuma kuyo kukho amabhinqa.

Ndise ndisizele aba mama bathengisa iziqhamo kwezo ndawo, besebenzisa elo thuba lokumisa kwezithuthi ukuba bazithengisele. Ukuba bekuliphanyaza ngenene ibhinqa ukujonga umnqayi ngekukudala aphanyaka lawo makhosikazi.

Izinto eziboniswa ngamadoda apho azinganganto. Anyamezele ke kuba aphandela iintsapho zawo. Njengokuba kungalunganga nje ukuhluba kwebhinqa phambi kwamadoda inokuba kulungile na ke xa oko kusenziwa ngamadoda? Ndoke ndikuve zwindini!

Abafana bale mihla banxiba impahla ebapitsayo. Ayibafihli njengoko bekumele, ibazoba babe njengamhla bazalwa.

Umfana ufika elukuzelisa ngathi yinkunzi yegusha, etsho ngeziphika ezixhonti ngathi bezihanjwa liphuphu ngaphandle, ephuphuzelisa imilenze ekwanjalo.

Ingaba kulungile bafana xa inini abenjenjalo njengokuba nijijitheka nikhubeke niyohlaba ngombombo xa ibhinqa liveze inkaba ngaphandle? Nje ngokuba nina niphuphuzelisa iziphika ngaphandle, nibetheka ndawoni xa ibhinqa lenze umsintsilamabele?

Makuthiweni na ke ngoko? Kuvulwe kube njengaseEdeni?

Elam ke lithi, Madoda nani bafana animsulwanga! Ngako oko wukhangeleni umendo wenu. Anisaboni nokuba eli sebe nisithela ngalo alisenamagqabi. Mabhinqa fakani iingxeba ngambini, kungenjalo nakuyicel’ ivuthiwe!

Goba msenge iibhokhwe zikutye!

Owenu kwisiXhosa, Nxuba