Nonkonyana: Thobani amaxhala andiyi ndawo

UNkosi uMwelo Nonkonyana ongusihlalo weNdlu yeeNkosi eMpuma Koloni nokwangusihlalo wombutho weeNkosi kweli phondo iContralesa, uthi mazingaxhali iiNkosi zeli phondo akanakuze azishiye.

Oku kusemva kokuba lo kaNonkonyana ebonakalise umdla wakhe wokuba ngumongameli wombutho webhola ekhatywayo iSouth African Football Association.

Uthi uqaphele ukuba kukho uloyiko kwiiNkosi zicinga ukuba uzakulishiya iphondo leMpuma Koloni ngenxa yesi sikhundla ebesinqwenela.

“Ndibona kufanelekile ukuba ndicacisele iiNkosi noluntu ngokubanzi eMpuma Koloni ukuba andisaqhubeki nolu khuphiswano lokuba ngusihlalo weSAFA, kodwa nokuba bendiza kuphumelela bendingasokuze ndilishiye,” uthethe watsho uNonkonyana. Lo kaNonkonyana unikise ngenkxaso yakhe kuTokyo Sexwale erhoxa yena kwidabi lokukhokela lo mbutho webhola ekhatywayo kweli. “Ngabalandeli bebhola abazixhamle beza kum besithi mandizigqatse kuba bebona umonakalo kwibhola ekhatywayo eMzantsi Afrika,” ucacise watsho uNonkonyana.

Le Nkosi yesizwe samaBhala iveze oku ngethuba kuvulwa ngokusesikweni iNdlu yeeNkosi eMpuma Koloni ngeliphawula isiqalo salo nyaka ka2018. UNonkonyana ekunye neNkulumbuso yeli phondo uPhumulo Masualle batshintshiselene ngeqonga kulo msitho wokuvulwa kwale ndlu.

Kumsitho ubukumgangatho ongaphantsi kowesiqhelo, ezi nkokheli zombini zisebenzise eli thuba ukumema iiNkosi ukuba ziqhubeke zisebenzisane norhulumente.

Usihlalo weNdlu yeeNkosi kuzwelonke uNkosi Mahlangu Nzuza, namalungu aphuma kuzwelonke uNkosikazi Nosandi Mhlawuli noNkosikazi uVuyelwa Tsotetsi ophuma kwiphondo laseFreyistata.

UNonkonyana ufumene izigxeko kwabathile emva kokuba ebonakalise umdla wakhe kwisikhundla sokukhokela umbutho weSAFA.

“Ukuza kukhokela kwam le Ndlu ndafunwa kwaziiNkosi, ngoko ke ndilapha ukuza kuqinisa intsebenziswano yethu norhulumente,” utshilo.

Ukanti uMasualle ucacisele ezi Nkosi ukuba ukuqiniswa kwamaqhina entsebenziswano phakathi kweeNkosi norhulumente ziimbono nenkqubo yombutho weANC. “Sivuselela intsebenziswano nani, siqhubela phambili iimbono zombutho weANC okhokelwe ngumongameli uCyril Ramaphosa.

UMasualle wenze intetho ephambili njengesiqhelo kulo msitho eqinisekisa ukuba ngenene ivuliwe le Ndlu yeeNkosi. NgoLwesibini wale veki, iiNkosi zixoxe banzi le ntetho kaMasualle ngelizama ukukhangela ukuba iyahambelana na neembono zeeNkosi.