UseMzantsi Afrika uRobert Mugabe

Owayesakuba nguMongameli waseZimbabwe uRobert Mugabe. Umfanekiso: Themba Hadebe/AP

Ukweli loMzantsi Afrika okokuqala emva kokuba ephumile esikhundleni sakhe njengomongameli welizwe laseZimbabwe uRobert Mugabe. 


Ingxelo ithi uMugabe ugaleleke kwisikhululo seenqwelomoya iOR Tambo emva kwemini ngoLwesithathu ephahlwe ngoonogada abasibhozo. 

Ombone ngamehlo uMugabe nobekwayinxalenye yabakhweli kule nqwelo moya uqinisekise oku wathi.  


“Inqwelomoya bekumele ukuba isuke ngentsimbi yesixhenxe eHarare, kodwa iye yalibaziseka yasuka ngentsimbi yeshumi, umbhexeshi usixelele ukuba umongameli uRobert Mugabe ukhona apha ngaphakathi,” utshilo umkhweli. 


Kukho amarhe okuba uMugabe uze kudibanisa amehlo noonyana bakhe abasePitoli kweli loMzantsi Afrika kunye nabaxhasi bakhe abazinze kweli.


Inkosikazi yakhe uGrace Mugabe ayikhange ibonakale ecaleni kwakhe nanjengokuba iqhele ukuba kunye naye kwiihambo akhe.

 

UMugabe wahlukene nesikhundla sokuba ngumongameli welizwe laseZimbabwe emva kobhukuqo oluzolileyo lomkhosi wela lizwe. 


Othethe egameni lesebe lemicimbi yezangaphandle kweli loMzantsi Afrika uNdivhuwo Mabaya, akakhange afumaneke ukunika ingcaciso ngolu tyelelo lukaMugabe. 


Le yindoda yokuqala eAfrika ukuhlala kwisikhundla sokongamela ilizwe isithuba seminyaka engamashumi amathathu anesixhenxe. Ukuphuma kwakhe kwisikhundla sokongamela iZimbabwe kulandelwe yinguqu yokungena komongameli omtsha eMzantsi Afrika uCyril Ramaphosa. 


Iingcali zopolitiko kweli ziyibona le nguqu njengendlela yokuqala inkqubo ezintsha zokuvuselelwa kwemeko yezimali yamazantsi weAfrika nebisele irhoxoza ngenxa kaJacob Zuma ophumileyo noRobert Mugabe waseZimbabwe.

 

Okwangoku akukacaci ukuba iza kugqiba iintsuku ezingaphi le ngwevu yaseZimbabwe kweli loMzantsi Afrika.