‘Mayigwetywe le ndlavini kaceba’

UNdileka Jacob waseZwelitsha eQonce uphila ngeepilisi, unyango loxinzelelo lwegazi neenkonzo zentuthuzelo impilo yakhe yonke, utyhola uceba wakwaWadi 41 uSindiswa Skepe ngokumbetha.

Ngenxa yoku uSkepe ubevele enkundleni kamantyi eZwelitsha ngoLwesibini, engaqali, eziphendulela kumantyi ngezi zityholo.

“Ngo2016 uSindiswa Skepe wayengavumi ukuba sisebenzise igumbi esasiqhele ukulisebenzisa xa sityikitya iincwadi zokuqinisekisa ukuba siphangele, wasithuka, wandibetha, endityhala ndaya kuwa, mayigwetywe le ndlavini kaceba,”utshilo uJacob.

Ingxelo kagqirha yabonakalisa ukuba uJacob ukrunwe izihlahla kwiingalo zombini, logama wathi wafumana ukugruzuka okumandla kumlenze wasekunxele ngenxa yalo mlo wakhe noceba.

“Ndandisebenza njengomsebenzi wethutyana phaya kwamasipala, endoyamanisa nengxaki zangaphakathi kumbutho weANC, wandithuka, wahlala endigrogrisa ukusukela ngoko, ndisoyika nangoku ngenxa yesi siganeko,” ucacise watsho uJacob.

Abahlali bakwa Wadi 41 bahlukene kubini ngenxa yempatho egadalala kaceba wabo uSindiswa Skepe. Ityala likaceba kukubetha ngenjongo zokwenzakalisa, kwaye uceba waxelela inkundla ukuba akanatyala kwezi zityholo.

Enye yeenkokheli yabahlali bakwaWadi 41 ithi ixhasa imithandazo yokuba inkundla yenze ngenceba inike uceba isigwebo esibonakalayo.

“Ukrwada kakhulu uSkepe, uthi bonke abantu ababexhasa uceba owaphumayo baza kusokola le minyaka mihlanu yolawulo lwakhe, abazukufumana misebenzi kwinkqubo zikarhulumente, umthetho mawusithethelele kule ngxaki,” itshilo le nkokheli.

Uceba lo ungene esikhundleni sakhe ngenyanga yeThupha ngo2016 emva komlo omkhulu kwiwadi yakhe.

“Wangena ngobuxoki nakwesi sikhundla, uyasithuka xa sicela intlanganiso, indoda uyibiza ngomphantsi akayoyiki lo nto, sicelela ukuthethelelwa yinkundla,” uthethe watsho uNjobodi.

Ejikajika ngemibuzo amangqina kaSkepe, umtshutshisi kweli tyala uxelele inkundla ukuba ayaxoka amangqina kaSkepe. “Ngale mva kwemini uxoke ukwalahlekisa le nkundla izihlandlo ezihlanu, awuphenduli mibuzo yam,” utshilo umtshutshisi.

Omnye umhlali ongavumanga negama lakhe utyhola uSkepe ngokubaphathela imela (Okapi) xa esiza ezintlanganisweni azibiza xa kuthande yena.

Kwinzame zethu zokufumana izimvo zika Skepe kwezi zityholo, lo ceba uthethe wenjenje. “Akukho nto ndiza kuyithetha ngale meko, isenkundleni yomthetho, ndinqwenela ukuhlonipha inkundla de ithathe isigqibo sayo,” utshilo uSkepe.

Umthetho olawula indlela abasebenza ngayo ooceba uthi yinkundla yomthetho kuphela enokuthi unetyala uceba, ukuze umasipala athathe isigqibo. Othethe egameni lomasipala waseBCM uSamkelo Ngwenya, akafumanekanga ukwenza ilizwi ngeli tyala. Ityala limiselwe umhla wamashumi amabini anesixhenxe kule nyanga.