Teboho Moloi uqinisekile ngeTop 8

Teboho Moloi

Umqeqeshi weChippa United, uTeboho Moloi, nelinye lamasoja wakhe athembekileyo, uMark Mayambela, abazimiselanga ukunikezela kwiphupha leqela labo lokuvala isizini kwindawo ehloniphekileyo kwiPremiership.

La madoda akuthethe oku nangona iChippa United inethuba elide ingafumani mpumelelo kwimidlalo yayo.

Imidlalo ide yamithandathu ingaphumeleli nomnye, iqokelele amanqaku amahlanu kuphela kwimidlalo emihlanu eyidlalileyo phambi kokubethwa yiOrlando Pirates ngo’4-2 kumdlalo wePSL obubanjelwe eNelson Mandela Bay Stadium kwiveki ephelileyo.

UMoloi uthi kule midlalo isibhozo ishiyekileyo, iChippa United, ingakwazi ukuqokelela ukuze izibambele indawo yesine xa kuphela isizini.

“Andithandabuzi, siza kuvala isizini singaphakathi kwiTop 8 okanye sikwiTop 4. Abadlali bethu sibathembile kakhulu. Ndayithetha lo nto ekugalelekeni kwam kweli qela, bambalwa abantu abandikholelwayo xa ndisitsho. Umsantsa ophakathi kwethu namaqela aphezulu awukho mkhulu. Into efunekayo kukuba sibuyele kwindlela yethu yokuphumelela imidlalo kwaye siza kuyenza lo nto,” utshilo uMoloi kwikhasi lomnatha leChippa United.

Kanti yena uMayambela uyibeke yacaca emva kokudlala nePirates kwiveki ephelileyo eyokuba bengabadlali baza kulwa ngamandla kwimidlalo elandelayo ukuze iqela lifumane indawo endilisekileyo.

Kwiveki ephelileyo, iiChilli Boys zidlale umdlalo omhle kakhulu nokufaka amagowuli – kodwa kubekho iimpazamo emdlalweni wazo ekunyanzelekileyo ukuba zilungiswe phambi komdlalo olandelayo.

IChippa iza kuvana amandla neCape Town City kumdlalo we-Absa Premier Soccer League ozakube use-Athlone Stadium ngentsimbi yesibhozo ngoLwesihlanu.

Iqela likaBenni McCarthy lingayintw’ibila kwiChippa emva kokuba libethwe yiBidvest Wits ngo’2-1 kwiveki ephelileyo.

UMoloi uya kumdlalo wempelaveki exhobe efohlele emva kokuphila kwabadlali bakhe abathathu abangadlalanga ithutyana ngenxa yokonzakala. Abo badlali baquka umdlali wasesiswini uKurt Lentjies, owasemva uFares Hachi noLinda Mntambo oyifolosi.

Imidlalo yePSL:

NgoLwesihlanu: AmaZulu FC vs Mamelodi Sundowns @King Zwelithini Stadium, 18:00; Bidvest Wits vs Baroka FC @Bidvest Stadium, 20:00; Cape Town City vs Chippa United @Athlone Stadium, 20:00

NgoMgqibelo: Orlando Pirates vs Kaizer Chiefs @FNB Stadium, 15:30; SuperSport United vs Maritzburg United @Lucas Moripe Stadium, 18:00; Platinum Stars vs Free State Stars @Royal Bafokeng Stadium, 20:15.

NgeCawe: Bloemfontein Celtic vs Ajax Cape Town @Dr Molemela Stadium, 15:30; Polokwane City vs Golden Arrows @Old Peter Mokaba Stadium, 15:30