UNdoro utyhola omnye umdlali ngokuthakatha!

Kudakwashe Mahachi of Lamontville Golden Arrows is to late to prevent Tendai Ndoro of Orlando Pirates of passing the ball during the Absa Premiership 2016/17 game between Golden Arrows and Orlando Pirates at Moses Mabhida Stadium, Durban on 27 May 2017 © Gerhard Duraan/BackpagePix

Emva kokuba umdlali we-Ajax Cape
Town exelelwe ngomnye umdlali asuka naye eZimbabwe ngezinto eziza kwenzeka
emdlalweni, uye wagqiba kwelokuba nyhani uyathakatha umkhaya wakhe. UTendai Ndoro,
odlalela i-Ajax, utyhola uKudakwashe Mahachi odlalela iGolden Arrows
ngokuthakatha emva kokuba emxelele ukuba Abafana Bes’thende (Golden Arrows)
baza kuwuphumelela umdlalo ngepenela. Kwiveki ephelileyo iGolden Arrows ngokwenene
ibethe iqela laseKapa (Ajax Cape Town) elidlalelwa nguNdoro ngo’1-0 kumdlalo obubanjelwe
ePrincess Magogo Stadium, kwaMashu.

Okuthe kwatsala umdla weSolezwe (laKwaZulu Natal) yincoko ebiphakathi kwabadlali
baseZimbabwe abaquka uDanny Phiri noKnox Mutizwa abaxelelwe ngokuthakatha
kukaMahachi. Nakubeni uPotshoza wephephandaba iSolezwe engasazi ngokupheleleyo
ilwimi lesiNdebele ebesisetyenziswa ngaba badlali – kodwa uve into ethi uNdoro
noMahachi bebekhe bancokola emnxebeni phambi komdlalo. Into ethethwe nguMahachi
kukuba i-Arrows iza kuwuphumelela umdlalo ngo’1-0 ngepenela. UNdoro uxelele uPhiri
noMutizwa ukuba into eyenza akholelwe ukuba nyhani uMahachi “unguMthakathi”
kukuba ebetshilo ukuba ipenela iza kukhatywa nguLimbikani Mzava kwaye lo nto
yenzeke ngolo hlobo.

Nakubeni abadlali be-Ajax beyinikele umva iThekwini
bethokombisile emva kokubethwa yi-Arrows – kodwa izolo bayilungisile lo nto
ngokuthi babethe iSuperSport United ngo’2-0 kumdlalo we-Absa Premier Soccer
League obudlalelwa e-Athlone Stadium ebusuku.