‘Yiya embovaneni vila ndini…’

Phezulu nguNkosi Mthuthuzeli Makinana, Nhose Madikazi (umqhubi), Zonke Nayo, namalungu eMasakhane Vegetable Co-op, eTsholomnqa

Yenzekile indaba eTsholomnqa kwaDowu apho uNkosi Mthuthuzeli Makinana obhexesha isihlalo kumbutho weeNkosi iContralesa kwiBuffalo City Region aphuma khona.

Ekwangumququzeleli woPhuhliso lwaMaphandle apha eMpuma Koloni. Yayilwa iprojekthi ngamanina athi soze ogqithwe yimbovane ngokukhuthala.

Aqala alima kwiminyaka eli10 egqithileyo, ethengisa ekuhlaleni yangcono impilo yabantu, bethe gqolo benkqonkqoza kwiminyango engabanceda .

Engayekanga uNkosi Makinana ukuba ngumcebisi njengomntu ongumququzeleli wophuhliso kule ngingqi. Kuthe kusenjalo, qhaphu gqi inkxaso kwiqumrhu elixhaswa nguSASOL leza nophuhliso ngenkxasomali.

Eli qela lamanina lithete lenjenje: “Kunyaka ophelileyo, sivelise iingxowa zeetapile ezingaphezu kwe100 sathengisa ikhaphetshu kakhulu nebeetroot.

“Namhla kungamayeyeye sifumana iteletele -2wd massy ferguson enamakhuba ayo- 2 furrow disc plough neduty off set disk ripper, fertilizer spreader, potato planter netipper trailer.

“Siyabonga kwiqumru likaSASOL ngenkxaso yophuhliso lakwaDowu. Sibulela inkxaso kwiinkokheli zethu nabemi ngokubanzi, sijonge amahlumela sinombono wokuxhasa umntwana wakuDowu aye kwisikolo solimo aze kusebenza apha, sijonge ukuncedwa yiNkosi yethu uChief Makinana, asincedise sifumane umhlaba, sinombono wokungena kwiAgri-industry, sicetyiswe ngezinto esinokuzithumela phesheya noba singazichola kanjani.

Sithi maz’ enethole!”